UPercy Tau wenze ezibukwayo efika elizweni lakwaFaro

Ifolosi yaBafana Bafana, uPercy Tau, ifike yenza ezibukwayo emdlalweni wayo wokuqala kwiEgyptian Premier League kwiveki ephelileyo. UTau ufake amagowuli amabini kwamane (4-1) kwafakwe yiAl Ahly ephumelele kakuhle ngethuba ingomba iqela ekuthiwa yi-Ismaily. Emva kokuhlala ithutyana engadlali ngenxa yokonzakala, uTau ufike wamvuza uPitso Mosimane – omthathe engadlali kwiqela laseNgilane ekuthiwa yiBrighton and Hove Albion – achithe isizini ephelileyo kulo. UTau wagqiba kwelokuba ahambe kwiBrighton ngenxa yokunganikwa ithuba lokudlala ngumqeqeshi wakhe.

Ngoku uselizweni lakwaFaro – apho kulindeleke avuselele khona isakhono sakhe sokudlala ibhola phantsi kweliso elibukhali likaMosimane awayesebenza naye kwiMamelodi Sundowns phambi kokuthengiselwa iqela laseNgilane. Emva kokufaka amagowuli amabini, uTau uchongwe njengomdlali oqaqambileyo weveki kwiEgyptian Premier League. Ebekhuphisana nabadlali abafake amagowuli abaquka uMohamed Helal no-El-Karti. Ukudlala kakuhle kukaPercy Tau kwiqela eliphambili kwizwekazi le-Afrika elifana ne-Al Ahly yinto enkulu kuye naseMzantsi Afrika.

Xa efaka amagowuli, lo nto iza kuwenza khaphukhaphu umsebenzi kaHugo Broos oqeqesha aBafana Bafana abazabalazela ukuya kwitumente yehlabathi eseQatar kunyaka ozayo. Kanti iAl Ahly iza kudibana notshaba lwayo olukhulu iZamalek kowona mdlalo ubalulekileyo ngoMgqibelo umhla wesithandathu kule nyanga yeNkanga. Ngumdlalo ekunyanzelekileyo uMosimane awuphumelele ngenxa yembali ephakathi kwala maqela mabini ebholeni yaseYiphutha. Ngaphezulu koko, iZamalek ihluthe intlaka emlonyeni we-Al Ahly ngokuthatha eyona ndebe ephambili kwisizini egqithileyo. Umdlali okwaziyo ukufaka amagowuli njengoPercy Tau ufuneka ngamandla emidlalweni efana nalo wangempelaveki.