UPique uthetha ngedemesha eyenziwe nguRonaldo!

Gerard Pique (L) of Spain fouls Cristiano Ronaldo of Portugal during the FIFA World Cup 2018 group B preliminary round soccer match between Portugal and Spain in Sochi, Russia, 15 June 2018. By: RONALD WITTEK / EPA

Umdlali wasemva
kwiqela lesizwe laseSpain, uGerard Pique, uzityande igila kwiintatheli emva
kwedemesha eyenziwe nguCristiano Ronaldo ngoLwesihlanu odlulileyo eSochi Stadium. URonaldo
ubhakuzelise umnatha izihlandlo zazithathu eyedwa kumdlalo wendebe yehlabathi kaGroup B ophele ngo’3-3 phakathi koomakad’ ezondana baseYurophu – iSpain nePortugal. Ngoku
uPique utyhola uCristiano Ronaldo ngokuziwisa ukuze anikwe amapenela
ngoosompempe. Lo kaPique ukuthetha oku emva kokuba uRonaldo efumene ipenela
kumdlalo odlulileyo emva kokuwiswa nguMacho phakathi emhlabeni kanozinti.

“URonaldo ungumntu
osoloko esiwa kwaye oonozinti basoloko bempha amapenela ngenxa yalo nto.
Sizamile ukuzifunqula emva kokuhlangabezana neengxaki. Ukuphisa ngepenela
umdlalo uqala, uphinde ulandele ngasemva emdlalweni – yinto enzima kakhulu.
Nakubeni kunjalo – kodwa ndingatsho ukuba sikwazile ukufaka amagowuli amathathu
kwaye indlela izinto ezihambe ngayo iya sivuyisa thina,” utshilo uPique.

Ilizwe laseSpain
lidlale umdlalo omhle kakhulu ngoLwesihlanu nakubeni lingakwazanga ukuqokelela
amanqaku amathathu emdlalweni. Ngokomdlalo, iSpain sidlale ngcono kakhulu
sisebenzisa uhlobo lomdlalo waso ekuthiwa yiTika-Tika. Ngoku abadlali beSpain –
eyazuza indebe yehlabathi eMzantsi Afrika ngo-2010 – banethemba lokuguqula
izinto kwimidlalo yabo elandelayo kwaye abazimiselanga kuphazanyiswa zizinto
ezifana nokugxothwa komqeqeshi [Lopetegui] phambi kokuqala kwe-2018 FIFA World
Cup.

“Kufuneka
sibambisane ngoku emva kokwenzeka into engathandekiyo nakubani na. Sakuthetha
ngezo zinto emva kokuba sigqibe le sikuyo into. Ukuxoxa kwakhe neReal Madrid akundikhathazi
konke konke ngoba kuze iqela elikhulu kuye. Indlela ayenze ngayo lo nto yiyo le
idala intetha. Zininzi ke izinto ezithethiweyo – umongameli akayithandanga
wathatha isigqibo. Thina badlali sisamkele eso sigqibo,” utshilo uPique.