URulani Mokwena uqinisekile ngokuyibetha iPetro de Luanda

URulani Mokwena ngumqeqeshi weSundowns. Umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Ibuyele ekhaya intywizisa iMamelodi Sundowns emva kokubethwa ekuhambeni – kodwa umqeqeshi wayo, uRulani Mokwena, uqinisekile ngokudlulela kumjikelo olandelayo. Amasandawana abethwe ngo’2-1 yiPetro de Luanda emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eAngola kwiveki ephelileyo. Ibethwe okokuqala iSundowns emidlalweni yeCAF Champions kwaye abantu abaninzi ibothusile into yokubethwa kwayo emva kokubetha amaqela afana ne-Al Ahly kwisigaba esigqithileyo. IDowns iza kugagana kwakhona nePetro de Luanda emdlalweni wesibini ekulindeleke ubeshushu eFNB Stadium ngentsimbi yesithandathu ngorhatya ngoMgqibelo. Iya emdlalweni olandelayo iSundowns iphantsi koxinizelelo njengokuba ingaphumelelanga eLuanda.

Nakubeni kunjalo, uMokwena uthe uqinisekile ukuba iSundowns iza kudlulela phambili iSundowns kwiChampions emva komdlalo wangempelaveki kwaye ukubethwa kwayo kwiveki ephelileyo kusisifundo kuyo njengokuba belungiselela ukuguqula izinto eFNB Stadium. Nangona kunyanzelekile iDowns iphumelele – kodwa iza kuncediswa ligowuli elifakwe nguLyle Lakay emdlalweni ogqithileyo. “Siya emdlalweni ngamnye sifuna ukuphumelela,” utshilo uMokwena emva komdlalo. “Kodwa ke mandivume ukuba ukubethwa kwethu kusifundisa izinto ezininzi. Le nto iyasikhumbuza ukuba siyabetheka, Into efunekayo ngoku kukuzivuthulula siye emlweni zihlaziyekile.

“Siza kuwubukela umdlalo emva koko senze izilungiso. Siyaya kumjikelo olandelayo weCAF Champions League ngoba ithuba lokuphumelela sisenalo,” utshilo uMokwena ngokuzithemba emva komdlalo. Bekufanele iSundowns ibuyele ekhaya iphethe inqaku elinye okungenani emva kokukhanyelwa kwegowuli layo sekusetyenziswe iVAR encedisa oosompempe. Umdlalo ngeke ubelula kumaqela omabini ngoba nayo iPetro de Luanda iza kufuna ukukhusela amanqaku ewafumene ekhayeni layo, yona iDowns iza kufuna ukuzibonakalisa ukuba nayo idlalela ekhaya. Kodwa inomsebenzi onzima kakhulu wokunqanda iSundowns ekelema kakhulu xa idlalela ekhayeni layo.