Ushiyeke ephoxekile uNcikazi emva kokugoloza kweChippa United

UVeluyeke Zulu weChippa United noThembinkosi Lorch we-Orlando Pirates emdlalweni weDStv Premiership obuse-Orlando Stadium. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni, iChippa United, libuya nenqaku elinye emva kokuba libambene ngeqanda ne-Orlando Pirates emdlalweni weDStv Premiership obuvutha bhe e-Orlando Stadium ngorhatya lwanamhlanje. AmaBhakaniya aye emdlalweni enxanelwe amanqaku amathathu emva kokukhuthazwa yimpumelelo ayifumene emdlalweni weCaf Confederation Cup abethe kuyo iSimba SC ngo’4-3 kumapenela kwimpelaveki egqithileyo. Kwelinye icala, nayo iChippa United iye izixelele ngokungabetha emdlalweni emva kokubetha iStellenbosch FC emdlalweni ogqithileyo ngo’1-0 ebaleni layo.

Umdlalo ubumhle kakhulu kwisigaba sokuqala. Indlela ehlasele ngayo iPirates emdlalweni ibibonisa ukuba ifuna ukuphumelela. Nangona isigaba sokuqala somdlalo side saphela kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini, amathuba wona okufaka amagowuli ebekhona. Isigaba sesibini somdlalo khange sohluke kwesokuqala. Elona qela ebelinamandla yiPirates – kodwa into engakwazanga ukuyenza kukufaka igowuli emnatheni. UKwame Peprah neDeon Hotto bazamile ukukhabela ezipalini amatyeli aliqela emdlalweni, ngelishwa labo, unozinti weChippa United, uLoydt Kazapua, ebengafuni kwa nto edlulayo. Ifolosi yeChippa, uEva Nga ikhe yazama ukuvula izithuba – kodwa ibigadiwe kakhulu ngabadlali bePirates.

Amathuba acacileyo ewayekileyo iPirates aze noHotto noThembinkosi Lorch kwisigaba sesibini – kodwa ke iibhola zabo zidinge umgqibezeli. Umqeqeshi wePirates, uMandla Ncikazi, uvakalise ukuphoxeka kwakhe emva komdlalo yindlela abadlali bakhe abawaphose ngayo amathuba. Ngokufumana kwayo inqaku elinye, iPirates inyukele kwindawo yesine ebibanjwe yiKaizer Chiefs ebethwe yiGolden Arrows ngo’2-1 emdlalweni ebusePrincess Magogo Stadium emalanga namhlanje. UKurt Lentjies ulamkele inqaku elinye emva komsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bakhe eGoli abaqhele ukubuya kuyo bekhala. Ukungabethwa kwayo iChippa kuyinika ithuba lokuphefumla umzuzwana phambi komnye umdlalo okwiveki ezayo eGqeberha.