UShongwe usendleleni eya e-Orlando Pirates

Iingxelo zithi i-Orlando Pirates neBidvest Wits zitshintshiselene ngabadlali, uJabulani Shongwe noThandani Ntshumayelo, ngaphambi kokuqala kwesizini entsha ye-Absa Premiership.

UNtshumayelo, odlala esiswini kweli qela laseSoweto, unexesha elide eyanyaniswa neeClever Boys emva kokungafumani ixesha elaneleyo lokudlala kumaBhakabhaka.

Kodwa uShongwe odlala emva, okwadlale kakuhle kakhulu kwiBidvest Wits, uyincedile ukuze ibe igqiba isizini ihleli endaweni yesibini kwiPremiership, ingxelo imkhomba kwiPirates.

UNtshumayelo udlale imidlalo esibhozo kuphela kule sizini iphelileyo, kwelinye icala uShongwe udlale imidlalo engamashumi amabini anesihlanu kwiWits.Umqeqeshi weWits, uGavin Hunt, ukhe wasebenza noNtshumayelo ngethuba esaqeqesha kwiSuperSport United phakathi kuka-2009 ukuya ngo-2012, bobabini baphumelela intshinga yePSL kwisizini ka-2009/2010.