USteve uphendula kwisikhalo sabalandeli

Amakhosi asisisulu sokuhlaselwa ngabalandeli bamanye amaqela ngenxa yabadlali abafumana simahla nenkqubo ayilandelayo xa ekhangela abadlali abatsha.

IKaizer Chiefs ifumene abadlali abatsha kutshanje abangaba: uBhongolwethu Jayiya, uPhilani Zulu noTeenage Hadebe – kodwa abalandeli abonelisekanga ncam ngumgangatho wabadlali.

Umqeqeshi weChiefs, uSteve Komphela, ucinga ukuba abalandeli kukho izinto abangaziqondiyo kakuhle ngemalike kweli lizwe.

“Imalike yethu inobufilifili obungatyhilekanga ncam, kufuneka umntu ayihlalutye nzulu. Ngamanye amaxesha xa umdlali enesivumelwano sengqesho esiphelelwayo – lo nto ithetha ukuthi umdlali angafumaneka. Kukho umdlali obedlalela iJamani ngoku kwiConfederations Cup, uya kwiBayern Munich – lo nto ayithethi kuthi umgangatho wakhe uphantsi,” utshilo uKomphela.

UKomphela ebethetha emva kokuba iChiefs iphumelele iMaize Cup ebidlalelwa eNorth West. Kulapho athe basakhangela abadlali phambi kokuvalwa kwesizini – kodwa yifolosi eyona nto isemqoka ngoku.

Amakhosi alungiselela iCarling Black Label Cup ne-Orlando Pirates eFNB phambi kokuphela kwale nyanga.