USteven Pienaar uguzulwe yiWits kwakusasa!

USteven Pienaar weBidvest Wits UMFANEKISO: Muzi Ntombela/BackpagePix

Iintsuku zikaSteven Pienaar kunokwenzeka ukuba zibaliwe njengomdlali webhola ekhatywayo.

Iintandabuzo ngekamva lakhe ebholeni ekhatywayo zivela emva kokuba ethe wakhululwa yiBidvest Wits kungaphelanga nonyaka eyidlalela.

Lo mdlali ugaleleke kwiqela likaGavin Hunt phambi kokuqala kwale sizini iqhubayo emva kokuba iWits izenzele imbali ngokuthi izuze indebe yePSL okokuqala neMTN 8 kwisizini ka-2016/17.

Emva kokudlala eYurophu iminyaka ephaya kwishumi elinesihlanu – abantu bebelindele ukubona uPienaar esenza ezibukwayo eMzantsi Afrika. Ngelishwa labo akwenzekanga oko. Yiyo lo nto iWits igqibe kwelokuba imlahle kusephakathi kwisivumelwano sakhe sesizini enye.

Umqeqeshi weWits, uGavin Hunt, ufumene into engazange wayifumana kwimbali yakhe njengomqeqeshi.

Iqela lakhe lihleli kwindawo yokugqibela kwiPSL nangona liziintshatsheli zePSL ezikhuselayo.

Yimeko leyo ebangela angalali kakuhle futhi iyamnyanzela ukuba enze iinguqu ezinokuthi zincothule iqela lakhe kwingxaki yokuthotyiselwa elijamelene nayo kule sizini.

Ukuhamba kukaPienaar kulindeleke ukuba kuvule indawo yabadlali abatsha.

Lo mdlali owayefudula ekhokela iBafana Bafana kwiminyaka embalwa eyadlulayo akakwazanga ukwenza umahluko kwiWits njengokuba bekulindelekile.

Phantsi kwegama lakhe, uPienaar udlale amatyeli alishumi elinanye kwiWits kule sizini – kodwa akubangakho nto ingako ayenzileyo.

Lo kaPienaar ngomnye wabadlali balapha eMzantsi Afrika abathe bazenzela igama kumaqela amakhulu afana ne-Ajax Amsterdam, iBorussia Dortmund, iTottenham Hotspur neSunderland agqibelise kuyo ukudlala eNgilane kunyaka ophelileyo.

“Ngelishwa, izinto azihambanga kakuhle. Yiyo lo nto sigqibe kwelokuba sohlukane naye uSteve,” utshilo uHunt kwincoko yakhe ne-Independent Media.

Kuyanyanzeleka ukuba iWits idlalele ukufumana amanqaku amathathu xa isamkela iFree State Stars kumdlalo wePSL ngo’20:00 ngoLwesihlanu.