UStuart Baxter ucacisa ukushiya kwakhe uSerero

Stuart Baxter coach of South Africa during the Bafana Bafana Team Announcement on 25 May 2017 at SAFA House © Sydney Mahlangu /BackpagePix

Umqeqeshi weBafana Bafana, uStuart Baxter, ubhengeze amagama wabadlali beqela lesizwe abazakuthath’ inxaxheba kumdlalo wokuzibekela indawo kwi-2019 African Nations Cup ophakathi kweBafana neeSuper Eagles zaseNigeria kwinyanga ezayo. UBaxter unabadlali abagqibele kudala ukudlalela iqela lesizwe abafana noTokelo Rantie nomdlali siswini owenza iziqwenga ePortugal – uBongani Zungu. Kwakweli qela lizakujongana neSuper Eagles, kwisixeko sase-Uyo, kubandakanywe uLebogang Manyama oqhube kakuhle kakhulu kwicala lokufaka amagowuli kwisizini ka’2016/17 kwiCape Town City, nogxa wakhe u-Aubrey Ngoma.

“Liyandichulumancisa iqela esinalo. Sinabadlali abambalwa abasebatsha; abanye babadlali bakhe bayinxiba ijezi yeBafana ngaphambili abafana noBongani Zungu noTukelo Rantie. Sinabadlali esibabizileyo abaqhuba kakuhle kwiPremiership. Ndiyakholwa ukuba siqokelele iqela labadlali abaluqilima,” utshilo uBaxter.

UBaxter usangxabalazile okwangoku ngoba usenomsebenzi ekufuneka asamelwe nguwo kwiSuperSport United kude kuphele isizini. URonwen Williams ubuyela kwiBafana Bafana emva kwexesha elide engadlali kwiqela lakhe, nogxa wakhe uDean Furman ubiziwe nguBaxter.

Lo mqeqeshi omtsha ubuyela ityeli lesibini kwiBafana Bafana emva kokuxhuzula imikhala kweli qela ngo’2004 ukuya ku’2005. Omnye wabadlali abangabizwanga nguThulani Serero ongasadlaliyo kwi-Ajax Armsterdam yaseHolland. Ukungabikho kwakhe kucacisiwe nguBaxter. “Ndithethile naye uSerero. Ndimxelele ukuba andiboni kulungile ukummema engadlali kwiqela lakhe isithuba esingaphaya konyaka. Ndizimisele ukusebenza naye xa efumene iqela elitsha. Ukuba bekuthiwa udlale imidlalo emithandathu okanye esixhenxe besizakumbiza,” utshilo uBaxter.

Amagama wabadlali beBafana Bafana:

Oonozinti: Itumeleng Khune (Kaizer Chiefs), Darren Keet (Bidvest Wits), Ronwen Williams (SuperSport United).

Abadlali basemva: Ramahlwe Mphahlele (Kaizer Chiefs), Rivaldo Coetzee (Ajax Cape Town), Eric Mathoho (Kaizer Chiefs), Thulani Hlatshwayo (Bidvest Wits), Lorenzo Gordinho (Kaizer Chiefs), Abbubaker Mobara (Orlando Pirates), Sifiso Hlanti (Bidvest Wits), Tebogo Langerman (Mamelodi Sundowns).

Abadlali siswini: Hlompho Kekana (Mamelodi Sundowns), Keagan Dolly (Montpellier), Andile Jali (KV Oostende), Kamohelo Mokotjo (FC Twente), Dean Furman (SuperSport United), Themba Zwane (Mamelodi Sundowns), Aubrey Ngoma (Cape Town City), Bongani Zungu (Vitoria Guimaraes).

Iifolosi: Sibusiso Vilakazi (Mamelodi Sundowns), Percy Tau (Mamelodi Sundowns), Lebogang Manyama (Cape Town City), Tokelo Rantie (Gençlerbirliği) , Thamsanqa Gabuza (Orlando Pirates), Kermit Erasmus (RC Lens).