UTete uyikhombile indoda ayifunayo emva koGonya

UZolani Tete ubethe kabuhlungu uSiboniso Gonya kabuhlungu kumlo obuseBelfast, eNorthern Ireland namhlanje. Umfanekiso: Facebook

Imbethi manqindi yaseMdantsane, uZolani ‘Lastborn’
Tete, ubhale iincwadi zomdlalo wamanqindi ngokutsha kobu busuku ngokuphelisa
umlo emva kokubetha uSiboniso Gonya ngenqindi elinye. UGonya urhecwe linqindi
elitshawuzayo wenatya phantsi kunaphelanga nomzuzu. La madoda elizwe loMzantsi
Afrika ebesilwela intshinga yeWBO bantamweight kwindawo ekuthiwa yiSSE Arena,
eBelfast, eNorthern
Ireland.

UTete, 29, ngoku uzenzele imbali
ngokuqoshelisa umlo kwisithuba semizuzwana esixhenxe. Oogqirha bengene eqongene
begxalathelana ukuya kuGonya obebonakala ngathi wonzakele kakhulu. Ngokwengxelo
ezifikayo zithi noko akukho nto ixhomisa amahlo. Emva kwempumelelo yanamhlanje,
uZolani uncwase umlo ongasentla anokudibana kuwo nentshatsheli uRyan Burnett
kunyaka ozayo.

“Bendisazi ukuba uGonya akazukwazi ukuhamba
umgama omde kulo mlo. Ndimbethile kumjikelo wokuqala. Abaqeqeshi bam ngabo
abenza umsebenzi. Ndifuna ukubulela bona ngokufumana le mpumelelo. Ndingathanda
ukulwa noRyan Burnett ke ngoku. Ndicinga ukuba uhlala apha; le yindawo azalelwe
kuyo. Kufuneka sibone ukuba ngubani inkunzi kwiBantamweight,” utshilo uTete
kwiBoxNation emva komdlalo.