UThembinkosi Lorch uyikhulule iPirates kunzima e-Orlando Stadium!

Thembinkosi Lorch of Orlando Pirates challenged by Zwelethu Ndlovu of Stellenbosch FC during the 2019 Telkom Knockout Last 16 match between Orlando Pirates and Stellenbosch FC at Orlando Stadium, Johannesburg, on 19 October 2019 Samuel Shivambu/BackpagePix

Ekugqibeleni,
i-Orlando Pirates iyibeke endaweni yayo iStellenbosch ebigoloza emdlalweni
weTelkom Knockout obubanjelwe e-Orlando Stadium ngokuhlwa kwanamhlanje. Igowuli
ephumelele ngalo iPirates sekuphela ixesha lomdlalo lifakwe nguThembinkosi
Lorch emva kokuphosa inkitha yamathuba emdlalweni. AmaBhakaniya aphakathi
kwamaqela akwazileyo ukudlulela kumjikelo landelayo weTelkom afana neKaizer
Chiefs ebethe iCape Town City
kumapenela, iGolden Arrows ebethe iPolokwane
City
neMaritzburg United
ezibethele iBidvest Wits izolo ebusuku. Umqeqeshi wePirates, uRhulani Mokwena, uqale
umdlalo wanamhlanje ngoWayne Sandilands endaweni kaJoris Delle obevuza
emidlalweni egqithileyo. Ezimnyama
zizo ezilawule isigaba sokuqala somdlalo futhi zikwazile nokudala amathuba
amaninzi – kodwa into ezingakwazanga ukuyenza kukufaka amagowuli emnatheni.

Iye inethemba
kwisigaba sesibini iStellenbosch emva kokunyamezela izithonga kwisigaba
sokuqala. Abadlali bePirates baqhubele phambili nokuphosa amathuba acacileyo emdlalweni,
ingakumbi uLorch, uJustin Shonga no-Augustine Mulenga. Unozinti weStellenbosch,
uLee Langeveldt, wenze umsebenzi omhle kakhulu emdlalweni, kangangokuba uye
wakhethwa njengoyena mdlali othe waqaqamba noxa iqela lakhe libethiwe
ekugqibeleni. Kuthe qabu kuMokwena obesoloko ephantsi koxinizelelo ngenxa
yokungaqhubi kakuhle kweqela lakhe. Noxa egoduke engonwabanga ngenxa
yokungaphumeleli kweqela lakhe namhlanje – kodwa uSteve Barker uxelele
iSuperSport TV okokuba uzingomba isifuba ngenxa yomsebenzi omhle owenziwe
ngabadlali bakhe emdlalweni.

 

Pirates: Sandilands,
Jele, Nyauza, Mako, Monyane, Mntambo, Makaringe, Lorch, Pule, Mulenga, Mabasa.

Stellenbosch: Langeveldt,
Bergman, Ndlovu, Robertson, De Goede, Mobbie, Zungu, Motsogi, Rayners, Van
Rooyen, Afoakwa.