UTinkler makachonge inkokeli entsha kwiChippa!

IChippa United iza kusingatha umdlalo obalulekileyo ekulindeleke okokuba izame ukuqokelela amanqaku kuwo emva kokugqwidiza ekuqaleni kwesizini.

Iqela likaEric Tinkler lamkela iMamelodi Sundowns elambele amanqaku kweyayo indawo kumdlalo weAbsa Premier Soccer League oza kube useSisa Dukashe Stadium ngo’20:15 ngoMgqibelo.

Nakubeni kukho umahluko obonakalayo kwicala lokuqokelela amanqaku – kodwa eyona ngxaki ajamelene nayo uTinkler ngoku kukungabi naye uKapteni onokuncedisana naye emva kokuvela kokuba uMark Mayambela akanguye umdlali onokuthwala uxanduva lokuthatha iChippa United ayibeke endaweni ehloniphekileyo.

Emdlalweni obuseSoweto kwiveki ephelileyo, uMayambela udelele umqeqeshi wakhe phambi kwezihlwele ebezingonelisekanga ngumdlalo wakhe onethuba ungancumisi.

IChippa ibethwe ngo’1-0 yiOrlando Pirates kumdlalo weTelkom Knockout – okuye kwanyanzeleka kuwo ukuba uTinkler amkhuphe uMayambela kwisiqingatha sokuqala somdlalo.

UMayambela uvezwe kumabonakude exabana noTinkler. Kucacile umqeqeshi ukuba umbeke endaweni yakhe ngoba uye waxolisa.

“Sathetha ngalo mba emva komdlalo. Yaba yinto eyenzeka ngela xesha – kodwa idlule ngoku. Ndixolisile kumqeqeshi, koogxa bam nakusihlalo,” utshilo uMayambela kwiKickOff.

IChippa isoloko ikwisimo esingazinzanga ngoba yile itshintsha abaqeqeshi umhla nezolo.

Ngoko ke uTinkler udinga inkokeli entsha enokuthi ixhase ngokupheleleyo iinzame zakhe zokuguqula izinto kwiChippa.

Sekucacile ukuba uMayambela akahambisani nendlela asebenza ngayo uTinkler.

Ukungatsali ngexhadi elinye kungawophula umoya wabadlali futhi kuchaphazele nendlela abadlala ngayo ebaleni.

Ukuba nguKapteni weqela ngumsebenzi ofuna umntu ozinzileyo engqondweni, ozimiseleyo nosoloko engumzekelo kwiqela lonke.

Ngeke iChippa ikwazi ukumelana namaqela afana neSundowns ikhokelwa ngumntu onobudlelwane obaphukileyo nomqeqeshi wakhe.

UTinkler kufuneka akhangele indoda echubekileyo enokumncedisa phakathi kukaThabo Ntethe, uJames Okwousa noKurt Lentjies – amadoda asebenza ngokuzimisela ngamaxesha onke.

NgoLwesihlanu:

Bidvest Wits vs Highlands Park @Bidvest Stadium, 20:00

NgoMgqibelo: Polokwane City vs Maritzburg @Peter Mokaba Stadium, 15:30; Pirates vs Chiefs @FNB Stadium, 15:30; Cape Town City vs AmaZulu FC @Cape Town, 20:15, Chippa vs Sundowns @Sisa Dukashe