UTovey ukhahlela iintshatsheli ze-Afrika

UNeil Tovey uyiqhwabele iizandla iMamelodi Sundowns ephumelele indebe yeCaf Champions League kwimpelaveki ephelileyo.

UTovey uhleli esibhedlele iveki yonke emva kokuhlaselwa sisifo sentliziyo – kodwa ke ngoku uyalulama ekhaya. “Ndifuna ukuthi wuntshu kwiDowns ngokubaziintshatsheli ze-Afrika. Bawuphakamisile umoya wabantu baseMzantsi Afrika,” utshilo uTovey.

Eli gqala liyibulele inkxaso eliyifumene ebantwini ngethuba lilele ngandletyanabye esibhedlele eThekwini.-Pedro Mapelo