UVergil Vries uncede Amakhosi emdlalweni weTelkom Knockom

Siphelele Ntshangase of Kaizer Chiefs challenged by Eden Nene and Phathutshedzo Nange of Black Leopards during the 2018 Telkom Knockout Cup match between Kaizer Chiefs and Black Leopards at the FNB Stadium, Johannesburg on 21 October 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Amakhosi
adlulela kumjikelo olandelayo weTelkom Knockout emva kokubetha iBlack Leopards
ngo’4-2 kumapenela kumdlalo ophele ngo’1-1 otsale imizuzu engaphaya kwamashumi
alithoba emizuzu eFNB Stadium ngale njikalanga yanamahlanje. Unozinti weKaizer
Chiefs, uVergil Vries uzibonakalisile ukuba kungathenjelelwa kuye xeshikweni
evala amapenela amabini weLeopards. Umqeqeshi weChiefs, uGiovanni Solinas,
ukhethe ukuqala umdlalo ngabadlali abafana nooVeries, uErick Mathoho, uHendrick
Ekstein noPhilani Zulu. Abadlali abaliqela bonzakele – kodwa abanye babekelwe
umdlalo omkhulu kwiveki ezayo. Emva kokudlala umdlalo ophucukileyo
kwisiqingatha sokuqala – iBlack Leopards ayikwazanga ukusebenzisa amathuba
ewafumeneyo ukuze isonge umdlalo iChiefs ibhidekile. Abuyile kekambe Amakhosi
kwisigaba sesibini futhi ukudlala kwawo kakuhle kuye kwabonakala ngegowuli
elifakwe ngu-Ekstein.

Isiqingatha
sokuqala siphele iBlack Leopards inkqenkqeza phambili ngegowuli elinye elifakwe
nguPhathutshedzo Nange kumzuzu wamashumi amathathu anesithathu. Umdlalo uqale
ngezinga eliphezulu. Kwakumzuzu wokuqala, uMwape Musonda ufumene ibhola
ephakathi kwabadlali basemva beChiefs – kodwa kuye kwanceda uVergil Vries uye
waphuma epalini wayoxutha ezinyaweni ibhola. Amakhosi ngawo abenebhola
emdlalweni – kodwa yiLeopards ebisenza into ecacileyo ngebhola xa iphethwe
ngabadlali bayo. UBernard Parker ugobe ibhola entle esenxele; khange kubekho
mntu wokubeka emnatheni lo bhola. UHendrick Ekstein ukhethe ukuziyela endaweni
yokunikela ugxa wakhe – ithuba lokubhalisa ebhodini liphelele emoyeni. Isicwangciso
seBlack Leopards sokufumana igowuli kuqala sisebenzile – kodwa umsebenzi wayo
wenziwe lula ngabadlali beChiefs abadlale into engacacanga.

Amakhosi
abuye enyuse iikawusi emva kwexesha lokuphumla. Abadlali baquqe bebuyelela
kumhlaba weBlack Leopards – kodwa iinzame zikaParker noBoyseen aziphumelelanga
kwimizuzu yokuqala kwisigab sesibini somdlalo. Kumzuzu wamashumi amathandathu
iChiefs ibuwulawula ngokupheleleyo umdlalo; qha ingxaki ebenayo kukungakwazi
ukugqobhoza udonga leLeopards emva. Kumzuzu wamashumi amathandathu anesibini,
uHendrick Ekstein ufake igowuli lokulinganisa. Igowuli lize emva kokuba
uGiovanni Solinas ekhuphe  uGustavo Paez
noPhilani Zulu. Iindawo zabo zithathwe nguRyan Moon noKabelo Mahlasela. UJoel Masutha
ufake iTumelo Kutlang endawo kaJoseph Mhlongo. Ibhola ebintle ikhatywe
nguMusonda ibethwe ngenqindi nguVries emva komdlalo omhle weLeopards. Kuyiwe
kwixesha elongezelelweyo emva kokuba kuphele amashumi alithoba emizuzu kungeko
qela eliphumeleleyo.

Kaizer Chiefs: Vries, Mphahlele, Mathoho, Booysen, Walusimbi, Ekstein,
Katsande, Ntshangase, Zulu, Parker, Páez.

Amalalela: Khune, Cardoso, Ntiya-Ntiya, Maluleka, Jayiya, Moon,
Mahlasela.

Black Leopards: K. Ndlovu, Munyai, Zulu, Munganga, Katjiukua, Nange,
Mhlongo, Nene, Musonda, Kapinga, Hlongwane.

Amalalela: Muleka, Ndou, T. Ndlovu, Khutlang, Mokoena, Tshepe,
Mahangwahaya.