UVictor Gomes uza kuphakamisa ifulegi yoMzantsi emidlalweni ye-Olimpiki

UVictor Gomes ngusompempe webhola ekhatywayo eMzantsi Afrika. Umfanekiso: ©BackpagePix

Izwekazi le-Afrika liza kuthumela abaphathi bemidlalo abathathu kwisixeko saseTokyo, eJapan – apho kuza kubanjelwa khona imidlalo ye-Olimpiki ekudala ijongwe ngamehlo abomvu. Amadoda aza kube ephethe imidlalo ye-Olimpiki aquka uMnu. Victor Gomes waseMzantsi Afrika ongusompempe, uSouru Phats’oane waseLusuthu no-Arsenio Marengula waseMozambique – bona bangabancedisi boosompempe.

Nangona oosompempe besoloko bephantsi koxinizelelo eMzantsi Afrika ngenxa yeempazamo abazenza emabaleni – kodwa ukuchongwa kukaGomes ziindaba ezimnandi kwicandelo lezemidlalo ngoba ungomnye woosompempe abasemgangathweni ophezulu eMzantsi Afrika. Ukuya kwakhe eTokyo kulandela ukusetyenziswa kwakhe (uGomes) yiCAF emidlalo yayo izihlandlo eziliqela.

Intloko yoosompempe kwiCosafa, uMnu. Felix Tangawarima, izamkele ngovuyo iindaba zokuchongwa kwamagosa emidlalo yebhola ekhatywayo endaweni yakhe. “Ukuchongwa koosompempe bethu kukuvunywa komsebenzi omhle esiwenzayo kule ndawo yethu. La magosa achongiweyo aqale ukusetyenziswa emidlalweni yamaqela wabadlali abaselula ngeminyaka (Under-17).

Kuya sivuyisa kakhulu ukuwabona amagosa wethu ekhula emdlalweni emva kokuwancedisa ngezakhono ukuze enze umsebenzi ngendlela ebhetele. Yinto enkulu kuthi le ngoba ezi ziziphumo zamaphulo ophuhliso esinawo kule ndawo,” utshilo uTangawarima. Ekupheleni konyaka ka-2020, u-Akhona Makalima, waseMzantsi Afrika, ebesetyenziswe kwenye yeetumente zeCAF.

“Kutshanje besino-Akhona Makalima obephethe imidlalo yeCAF Under-20 Cup of Nations. Wayekhatshwe nguCelso Alvacao waseMozambique kwaye benza umsebenzi omhle kakhulu. Ngonyaka ka-2019, uDiana Chikotesha waseZambia noBernadettar Kwimbira waseMalawi basetyenziswa kwimidlalo ehlakulela eye-Olimpiki neyeChan. Ngoku ndiququzelela iindibano zocweyo ekuza kuqeqeshwa kuzo oosompempe ukuze bakwazi nokuphatha imidlalo efana nebhola ekhatywayo yaselwandle nomnye ekuthiwa yiFutsal,” utshilo uTangawarima.