Uwelwe ngumqa esandleni uCarnell!

Njengoko bekulindelekile ukuba umqeqeshi omtsha we-Orlando Pirates afumane isekela, izolo kwaziswe uBradley Carnell njengoyena mntu ozakuthi ancedise uMuhsin Ertugral kwisizini entsha.

UCarnell ungena endaweni kaTeboho Moloi obengumcedisi ka-Eric Tinkler kwisizini edlulileyo. Akukacaci nokuba uTeboho uzakudlala eyiphina indima ngoku kwiPirates.

Isekela elitsha, elalifudula lidlalela aBafana Bafana, lisuka kwiFree State Stars ekuvakala into ethi ithengisiwe. Kulapho uCarnell achithe iinyanga ezimbalwa esebenza njengesekela likaGiovanni Solinas obengumqeqeshi kwisizini ka’2015/16. Kodwa ngoku uzakuncedisa * -Ertugral.

Ingxelo ekhutshwe yiPirates ithe: “Sinovuyo olukhulu ukwazi ukuchongwa kukaBradley Carnell njengesekela mqeqeshi. Umsebenzi wakhe weminyaka emithathu uqala namhlanje.” Ngaphandle kokudlala ibhola kumaqela anjengeWits, Kaizer Chiefs naseJamani – lo kaCarnell uqeqeshe iqela lebhola ekhatywayo i-University of Johannesburg ebelidlala kwiVarsity Cup.Kugqityiwe nangoJackson Mabokgwane, ngumdlali we-Orlando Pirates ngoku! Lo nozinti ebedlalela iMpumalanga Black Aces khange aye eKapa ngethuba ifudukela khona emva kokuthengwa nguJohn Comitis.

Ngoku uMabikwane kulindeleke akhuphisane ngamandla noBrighton Mhlongo ngendawo yokuqala kwiPirates kwisizini ezayo.

Ukugaleleka kwale ngqungqumbana kwaziswe ngumphathi weBucs, uFlyod Mbele, kwisikhululo sikanomathotholo saseGoli phakathi evekini. Lo nozinti weBafana Bafana ulandela ezithendeni zomqeqeshi wakhe kwisizini edlulileyo uMuhsin Ertugral. Ekuqaleni kwale nyanga AmaBhakabhaka afumene abadlali abaliqela abaquka aba balandelayo: Riyaad Norodien, Abbubaker Mobara [bobabini basuka kwi-Ajax Cape Town],

Nkosinathi Mthiyane osuka kwiChippa United, Donald Mokondelela noThabiso Khutumela basuka kwiBaroka FC kanti yena uBernard Morrison usuka kwi-AS Vita Club. Ngoku angavotelwa kwiqela elizakudlala iCarling Black Label eFNB Stadium ekupheleni kwale nyanga.