Wakha ingomso ngebhola ekhatywayo uBuild it!

Aphume imvula isitho amakhwenkwana angaphantsi kweminyaka elishumi elinesithathu(Under-13) eMdantsane naseFort Jackson ukuya kukhuphisana kwitumente yebhola ekhatywayo yaminyaka le exhaswa nguBuild it kwimpelaveki edlulileyo.

Le tumente, kuphuhliswa italente yamakhwenkwana aselula, iqhutyelwe kumabala aseNU15, eMdantsane, apho bekukho amaqela angamashumi amathathu anesibini athathe inxaxheba kuyo. Ishumi elinesithandathu ibingamaqela aseMdantsane, yaze elinye ishumi elinesithandathu yangamaqela aseFort Jackson. Imvula ebisina ngamandla ayikhange iwunqande umdla nokuzimisela kwala makhwenkwana ngethuba ekhuphisana kule tumente.

Isithethi seBuit it, uRay Coetzee, uthe bengulo mzi othengisa impahla yokwakha izindlu, babona kubalulekile ukuba bangakhi izindlu kuphela, koko nekamva labantwana besebenzisa itumente yebhola ekhatywayo yabangaphantsi kweminyaka elishumi elinesithathu. “Sakhetha ukuqala itumente yabangaphantsi kweminyaka elishumi elinesithathu kuba sifuna ukwakha ingomso eliqaqambileyo labo,” utshilo uCoetzee.

Le ndedeba ikwathe kubo oku kukubetha iintaka ezimbini ngelitye elinye, “Ndiqinisekile xa bebadala befuna ukwakha imizi yabo, bazakukhumbula uBuild it, owayeyinxalenye yokwakha ikamva labo besakhula esebenzisa ibhola ekhatywayo,” utshilo uCoetzee.

Amaqela athe aphumelela kule tumente iKamva yaseMdantsane ibezintshatsheli zale tumente, kwicala laseFort Jackson kuye kwakhonya iGreen Lovers. Amaqela aphumeleleyo anikwe iindebe, iibhegi kunye nekiti.

UMonwabisi Jaza, ungumququzeleli wale tumente kwiidolophu ezithile kwiMpuma Koloni, uthe kunyaka ozayo banomnqweno wokusa le tumente ezikolweni.