Ziyiqale ngempumelelo itumente yeSuper Rugby, iiVodacom Bulls. Eli qela belisakuba ziintshatsheli zale tumente izihlandlo ezithathu zibethe iqela laseNew Zealand, iHurricanes, ngo’21-19 enkundleni yayo iLoftus Versfeld Stadium. UJohnny Kotze uze namanqaku amahlanu kumzuzu wesithathu emva kokudlala kakuhle edlula emadodeni angasemva eqela likaJohn Mitchell oyinzalelwane yaseNew Zealand.
Uvule umsantsa uHandre Pollard xeshikweni efaka ipenela ethathe amanqaku omdlalo yawubeka kwisibhozo abe esankonye iqanda amandwendwe. Kulithathe imizuzu elishumi elinambini iqela laseNew Zealand ukuze lifumane amanqaku emdlalweni ngefolosi uRicky Riccitelli elele emgceni emva komdudulo omhle. Inzalelwane yaseMonti, uWes Goosen, uvule umsantsa kumzuzu weshumi elinesibhozo xeshikweni esiza namanye amanqaku amahlanu encediswa linqina lika-Ihia West eqinisekisa ukuba ankqenkqeza phambili okokuqala amandwendwe ngo’12-8.
UPierre Schoeman unikwe ikhadi elityeli emva kokudlala kakubi kodwa ayalisebenzisa elo thuba iHurricanes. Ubohlwayile umdlali waMabhoko-bhoko, uLood de Jager, othe walala emgceni kumzuzu wamashumu amathathu anesithathu. Ipenela efakwe nguHander Pollard iqinisekise ukuba aye ekhefini ekhokele ngo’16-12 amakhwenkwe wasePitoli. UBeauden Barret, ongene kwisiqingatha sesibini, wongeze amanye amanqaku amahlanu kumzuzu wamashumi amahlanu anethoba wenza adume ngazo u-Ihia West ephinda abeka amandwendwe phambili ngo’19-16.
Bakhululwe nguPierre Schoeman abalandeli beBulls sele benxunguphele ngokulala emgceni kumzuzu wamashumi asixhenxe anesibini. Abe ayephumelela amakhwenkwe kaMitchell nangona ubungemhlanga umdlalo wawo.
Ezinye iziphumo zeSuper Rugby:
Lions 47-27 Jaguares
Waratahs 34-27 Stomers
Crusaders 45-23 Chiefs
Brumbies 32-25 Sunwolves
Rebels 45-19 Reds
Highlanders 41-34 Blues
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!