Buyaqatsela ubusela bemfuyo eBCM

Usapho
lakwa Bhalakisi eBhira eNgqushwa, lixhoba lakutshanje lokuthathelwa iibhokhwe
ezingamashumi asixhenxe anesihlanu ngamasela ebuhlanti. Ngenxa yale ntlungu
ingwevukazi yelikhaya uNonanithi Balakisi (84) utyiwe ngumvandedwa wade wabhubha
ngenxa yalemeko. Unyana welikhaya uBongani Bhalakisi uthi bahleli exhaleni emva
kokuduka kwezibhokhwe ngenxa yezigrogriso zamasela. ”Umama ubhubhe ngenxa
yentlungu yokulahleka kwebhokhwe zakhe, amadoda amane afika ezinzulwini
zobusuku avula ubuhlanti alayisha ibhokhwe apha ngenyanga yoMsintsi, akazange
aphinde aphile ukusukela ngoko,”ucacise watsho uBhalakisi. Ingxelo yolwaphulomthetho
kumapolisa kunyaka ophelileyo ibonise ukuba ukubiwa kwemfuyo yenye yengxaki
eziphambili eMpuma Koloni. Amapolisa aseMdantsane kweyoMsintsi kunyaka
ophelileyo abambe avalela indoda eyabhaqwa ilayisha ibhokhwe ebhakini nekwathi
kamva wavela umnikazi wazo. ”Okona sikufunayo apha silikhaya kukuba kwenziwe
ubulungisa ngokulahleka kwebhokhwe zelikhaya kubanjwe abantu abachaphazelekayo,
ibuhlungu le nto,”ucacise watsho uBhalakisi.Akukho mntu sele ebanjiwe ngokulahleka kwezibhokhwe.

 UNkosi Mthuthuzeli
Makinana ongusihlalo weContralesa eBCM uthi ngenene kumkhuba okhulayo
kwingingqi yaseBCM. ”Ngumkhuba okhulayo ngenene lo kule ngingqi, kutshanje
ndifumene ingxelo zokuba kwezi lali zaseQongce la madoda angena ebuhlanti
athathe imfuyo yabantu,”uthethe watsho uMakinana. UMakinana uthi kukho iqela
labantu abajikeleza ngendlela ecetyiweyo bethatha imihlambi yabantu.”Kumele
ukuba amapolisa noluntu ngokubanzi baqinise amaphulo okukhangelwa kwabenzi
balentlonti,”utsho uMakinana. Imfuyo yenye yendlela zokuphila kubantu beMpuma
Koloni nanje ngoko eliphondo linezinga eliphezulu lendlala nentswelo- ngqesho.
Lo mkhuba uqheleke kwisithili somasipala wase Alfred Ndzo nase Joe Gqabi nanje
ngoko zihleli kumda nephondo laseFreyistata kunye nelizwe laseLesotho.Imvumi
yomculo wokholo uButho Vuthela ulahlekelwe zigusha ezingaphezu kwekhulu kunyaka
ophelileyo ezathathwa ekhayeni lakhe kuMount Fletcher.

 Othethe
egameni lomasipala waseJoe Gqabi uMandla Gceya uthi baxakene nayo imeko
yokubiwa kwemfuyo kwidolophu zalomasipala. ”Kutshanje sinesiganeko sokuthathwa
kweegusha eLady Grey zayakufunyanwa eNgcobo zisendleleni eya eKapa, abelusi
basoloko besebenzisana nalamaqela, ngenyanga yeSilimela nasekupheleni konyaka
ixhaphakile le meko,”uthethe watsho uGceya.Iinzame zethu zokuthetha namapolisa aseMpuma Koloni aziphumelelanga.