Baxakekiswe ngumnyiki abafuyi nabalimi

UMphathiswa uNomakhosana Meth ekunye nabasebenzi bexakekiswe ngumnyiki ogqogqisayo

Abahlali beelali zaseNgqushwa naseQonce baphethwe mantsantsa luhlobo oluthile lomnyiki obhuqa ingca kunye nezityalo ukusukela kwiveki ephelileyo nothe waqala kuMasipala waseRaymond Mhlaba.

Oomasipala abakhulu abathe bachaphazeleka okwangoku baquka iChris Hani, Amathole kunye neAlfred Ndzo. Ngaphandle kokutshabalalisa ingca, lo mnyiki ukwayingozi xa uthe watyiwa sisilwanyana nanjengoko uzifihla kwasengceni.

UMphathiswa weSebe lezoLimo noPhuhliso lwamaPhandle eMpuma Koloni uNomakhosazana Meth, utyelele ezinye zeendawo ezichaphazelekileyo, wathetha namafama.

“Kubalulekile ukuba xa uthe waqatshelwa ngumfuyi akhawulezise ayitshintshele kwenye indawo imfuyo yakhe kuba xa ziyityile ziye zigule kwangoko,” kutsho uMeth.

UGqirha Thembakazi Silwana weSebe lezoLimo noPhuhliso lwamaPhandle ucacisa ngemvelaphi yalo mnyiki.

“Wona lo mnyiki uzalelwe kwakweli leAfrika, awufani neminye ekhe isuke kwamanye amazwe, kungoko uhamba ngokukhawuleza okungaka, kodwa ke asilelanga siyawuzama eAlfred Ndzo, eNtabankulu, sele sikufutshane ukuwoyisa,” kutsho uSilwana.

Ingxelo ithi iimpawu eziphambili zalo mnyiki xa uthe watyiwa sisilwanyana zezo ziqhelekileyo.

“Xa isilwanyana sitye kwingca enalo mnyiki, siye sivuze izinkcwe, kube nzima ukuginya, sisoloko sinxaniwe, sitye amazinyo nezinye ke iimpawu ezinokuqatshelwa ngumfuyi,” kucacisa uMeth.

Idlelo elifunyenwe linalo mnyiki kumele ukuba lishiywe lingasetyenziswa isithuba seentsuku ezingamashumi amane emva kokuba kufakwe ichiza kule minyiki, itsho ingxelo.

Kwindawo ofike kuyo lo mnyiki ubhuqa izityalo, ushiye kulibala, kungoko urhulumente esilwa ukunwenwa kwawo.

Ilali yaseQawukeni eQonce yenye yeendawo othe wafunyanwa kuzo lo mnyiki nosele uthe watshatyalaliswa ngamagosa karhulumente. Olu hlobo lo mnyiki lutya ikakhulu izityalo ezifana nombona, amazimba, iitapile kwakunye namandongomane.

“Into enokwenziwa ngabahlali kukuxelela amagosa karhulumente akufutshane nabo xa bethe bawuqaphela lo mnyiki kwizityalo zabo, kuba amagosa wethu athe bhazalala esilwa nawo kwiindawo ezichaphazelekileyo,” kutsho uGqirha Silwana.

Ukuvela kolu hlobo lomnyiki kulandela kanye emva kokuba eli phondo belisandula kujijisana nembalela emandla ebangela ukufa kweenkomo nezinye izilwanyana kwiindawo eziliqela.

“Sixhalabile ziingxelo zakutsha nje zokuba lo mnyiki uboniwe kwisithili saseOR Tambo. Iingxaki kukuba esiya isithili sinabile kunezinye iindawo esele sisebenze kuzo okwangoku, kodwa sisabeke iliso. Oku kwenzeka logama ilizwe loMzantsi Afrika lixakeke sisifo seKhorona.