Baza konwabela uOros kwiRhythm City namhlanje

EMVA kwethutyana
abathandi bakaOros Mampofu bengasomboni koomabonakude babo, baza kuchulumanca
kukumbona ngale ntlwa yanamhlanje kwiRhythm City.

 

UMampofu osandul’
ukubangutata kusana oluyintombazana, uza kube ebukelwe ngabathandi beRhythm
City ngoLwesine, umhla we16 kuCanzibe.

Uza kudlala indawo
yegatyana laseMpuma Koloni elinguBanele, osapho lwakhe luxhomekeke kwimali
yesibonelelo sikarhulumente ukuze luphile.

 

UBanele unomdla
kwimbali yamandulo, ingakumbi eyaseAfrika kwaye ke ibali lakhe liqala kanye
emva kokufumana ibhasari yokufunda kwiYunivesithi yaseRhawutini.

UBanele
ngowokuqala kusapho lwakhe ukuya eYunivesithi, oku kulithamsanqa kuye kodwa kukwabeka
uxinizelelo olungaphaya nanjengoko usapho lwakhe lonke lujonge kuye.

Ukubeka isonka
etafileni uwedwa ayiyondlwan’ iyanetha, ngoku uBanele uzibona esebenza
njengomqokeleli wezinto ezisebenzileyo ukuze ziphinde zisetyenziswe (recycle)
ukuze athumele imali ekhaya.

 

“Ndiyavuya kakhulu
ukuzibandakanya neRhythm
City
ndidlale indawo
kaBanele. UBanele usibonisa izinto esihlangabezana nazo, ingakumbi
singabafundi. Ndiziva ndithobekile kukunikwa le ndima,” kutsho uMampofu.

 

Ingaba ke ngoku
uBanele uza kumelana njani nolu xinizelelo lungaka?

Ungaphoswa yiRhythm City ngentsimbi yesixhenxe kwi-etv.