Iimpendulo Zabantu Abangamachule Okukhiphitha

Intatheli yephephandaba Umthunywa u ‘Dizamahlebo’ Tonjeni ngomhla wesi4 Agasti 1956 wabhala ngomba wokuthandana kwabantu ezidolophini wenjenje: “Kudala siyigxeka intlalo yoshwesho lwasezidolophini. Sijongile nje, sizombelela ingoma sijike siyixhentse sodwa. Bayakuthanda ukukhiphitha abantu basedolophini. Ngoku sekungene amakhwenkwe amakhulu kulo mcimbi, uphakamile…

Enye into abafazi bomtshato bayakhala kukohluthwa kwabo amadoda ngamankazana asedolophini. Inkulu le nto phandl’apha. Bafunde ntoni na abantwana bethu xa thina bazali sibabonisa izimilo ezingenguwo umzekelo wobuzali? Baya kuthini bona ukusihlonipha?”

Makhe sabelane nelizwe ngokubanzi ngeempendulo zabakhiphithayo xa bezithethelela ngalo mba utshisa ibunzi nongabonwabisiyo abanye abantu.
Ukuvunywa kwendoda yomntu ngelinye ibhinqa
Amabhinqa atshatileyo ayakhalaza ngamanye amabhinqa athatha amadoda awo. Nazi iimpendulo:  “Indoda yeyomntu wonke, akukho mfazi wafika ebeleke indoda kulo mhlaba.”

“Ukuba undibuza ukuba ndimvumeleni umyeni wakho ndide ndilale naye. Ndimvuma kuba uthethe ngalaa ndlela wayethethe ngayo nawe ukuze nawe umvume ulale naye. Into ebanga ukuba avunywe umyeni wakho lolu hlobo athetha ngalo. Ukuba angayeka ukuthetha adle imu, athule athi tu cwaka, sokuze avunywe ngamabhinqa. Yitsho umyeni wakho ayeke ukuthetha namabhinqa.”

“Ude uziqhayise nje usithi unendoda? Ubuyigawula kowuphi umthi? Ikhona imithi exhonywe amadoda? Ukuba ibiyeyakho ngowungathwal’izandla entloko ntombazana. Sifana sonke neyam yathathwa ngomnye. Nam ndibambe ongezantsi. Indoda li apile kuyalunyiswana.”
“Sukuza kum ngengxaki yomyeni wakho othanda amabhinqa, wena nqanda inja okanye ihagu yakho iyeke ukutya emigqomeni. Isitya emigqomeni nje ibonisa ukuba kuyalanjwa ekhaya. Zifundise ukondla ntombazana.”

“Akukho ndoda yamntu, indoda yeyomntu wonke? Xa usithi yeyakho ubuyichola phi wena wedwa? Akukho bhinqa leza nandoda emhlabeni. Lonke ibhinqa lafika indoda ilapha, liza kuyishiya ilapha. Jonga indawo yakho. Yenda wena, ukwenda yile ndawo ubekwe kuyo.”
“Ndiyavuma, indoda ngumyeni wakho xa nitshatile, kodwa loo nto ayithethi ukuba asiyondoda yomntu wonke. Xa izitshololo kum isithi iyandithanda, nam ndiyayivuma kuba ndibona le nawe uyibona kuyo. Nam ndifuna le uyifuna kuyo, kwaye nam ndithanda le uyithandayo kuyo. Siyafana singamabhinqa, yindoda eza kuthi, izile kuwe wayivuma nakum izile ndayivuma. Iphi ke apho ingxaki?”

“Sukuthi mandale indoda yakho, wena yala indoda yakho xa udinwe zizinto ezenzayo. Indoda yeyethu kuba nakum ithi sithandwa, mna ke mntu ungekadinwa anduzuyala. Yale wena mntu udiniweyo, mna mntu ungadinwanga andizuthunywa nguwe. Zange uyithume ukuba ize kum, nam zange undithume ukuba ndiyivume. Kutheni ndiza kuthunywa nguwe ngoku ukuba mandiyale?”

Ukuthukana komfazi wendoda nekrexekazi
Abafazi ababini babethukana ngenxa yokutyelana indoda, (ngokutsho kwabantu). Omnye lo phofu uyitshatile indoda omnye ukrexeza nayo. Umfazi lo utshatileyo wayeyititshalakazi enezidanga zemfundo, ikrexekazi eli lomyeni wakhe lalingenakulandeleka amabakala emfundo yalo kuba lalizithengisela iiapile nenyama yehagu etyebileyo kwisiphithiphithi serenke yetekisi eDutywa. 



Inkosikazi eyititshalakazi yaba yiyo unozala wezithuko zangaloo mini ngokusuke iye kweli krexekazi lizithengisela inyama yalo etyebileyo nee-apile. Ifike yathi kweli krexekazi “Njengokuba ulixixilili lexelegu neqaba elinoseveni emva kwendlebe hlukana nomyeni wam. Ndifundile mna ukuba ndingade ndibenendoda elala nawe. Ntondini  enuka amakhwapha neqaqa. Le nto ingafaki ne perfume!”
Ikrexekazi lamphendula ngezithuko lathi, “Rha! Utsho sowunyile! Qoqosh’indoda akho, mna andinazatifikethi zisedrawini, esam nasi phakathi kwamathanga. Njengokuba indoda yakho uyilambisa mna ndiyayiphekela. Awuyaz’indoda iyondliwa? Indoda yondliwa ngentla nangezantsi. Vula imilenze ntombazana wondle indoda. Umyeni wakho apha kum utsalwa ngala mathanga am makhulu abomvu.  Amathanga am sisatifikethi sam. Ndiyawavula mna, njengokuba ulibala kukuqoshela, uxoka nokuxoka ukhala ngeziluma xa usuka kuzihluthisa kulamakhwenkwe akho. 
Njengokuba uneenzipho ezinde ezibomvu nje, uza kupheka njani. Inokuba le ndoda yakho ibaleka ukukrwentshwa ngezo nzipho zakho. Wena xa uzibuza apha engqondweni ucinga ukuba utsalwa yintoni apha kum. Utsalwa bubushushu bamathanga. Uza kulala kum namhlanje.”
Abantu ababekulo renki abangamabhinqa babentyontyela besithi, ‘Mxelele indaba zakhe, bageza gqithi abantu abafundileyo, umbethe futhi siza kukuncedisa. Makakhe aqalise abethe uza kusibona!”
Ukuthandana netsotso
Amabhinqa agugileyo kuthiwa athandana nabafana abalingana nabazukulwana ngeminyaka yobudala. Nazi iimpendulo: “Unina wayemdlalisa injube emjingisa phezulu, mna ndilala ngomqolo ndimdlalise injube phakathi kwamathanga. Ezo zinto zombini zohlukene.”
 “Wakhe wandibuza unina wetsotso lam esithi, ‘njengokuba ndilixhegwazana elingangonina ndifuna ntoni na emntwaneni wakhe olingana nabazukulwana bam?’  Hayi ndamphendula ngokulula ndamshiya ebambe ongezantsi. Ndamxelela ukuba soze abe samva ngowam ngoku, imiqolo ayifani yohlukene. Njengokuba esithi mncinci nje kungokuba yena wayembeleka ngasemva emqolo, athi akudinwa amothule ambeke phezu kwethanga, amphuze, amteketise. Mna ndimbeleka ngaphambili esifubeni phakathi kwamabele, ndimfake phakathi kwamathanga, sifuthelane kube mnandi nco, kuthi sobabini. Ndimphuze, ndimfake ulwimi emlonyeni, ndakugqiba ndimteketise. Thina netsotso lam siyalingana. Makaxole soze amfumane.” 
“Andizanga kulungisa lizwe ndafika linje, ndiza kulishiya linje. Mna ndide ndithi itsotso malindivele ngemva lizokufumana nesipele sayo. Ndilinika yonke, ndifuna liyitye yonke lingayishiyeleli.”  “Nokuba ndiyinike itsotso elincinci nakumzukulwana ayixeli. Akukho mntu uza kwazi ukuba bekwenzeke ntoni, ayikhuphi ‘slip’ asiyo ‘till’, ayithi iswekile ihambile, ayithi itswele limkile. Ayibali nani lezinto ezithengiweyo.”