Baza kubukela iifilim ezenziwe ngabantwana beelali zamaGqunukhwebe

ABANTWANA beelali
ezisibhozo eziquka iMayipase, iDebe, kwaNgwenya, Mfiki, Mbizane, iNonaliti,
Annshaw nakwaJames bazivelisela eyabo imidlalo yeqonga.

Lo ngumbono
kaAyanda Mncwabe- Mama ongumvelisi weefilim, othe wasebenzisa inkampani yakhe
noMadoda Mditshwa eyi- Iliso Film ukugubhulula italente yakwiilali zakhe
zokuzalwa.

UMama uhlala eMnqaba
kwaJames, eDebe Nek. “Abantwana abaninzi bagqiba imatriki bahlale bangenzi nto,”
utshilo.

Iliso Films sele
ivelisele umabonakude weSABC ne-etv  iinkqubombaliso (documentaries) ezilishumi
elinanye.

UMncwabe-Mama uthi
umsebenzi wakhe kukubhala, ukufota umboniso nokuwuhlela ukuze ulungele usasazo.

“Ngoko ke kulapho
ndaye ndacinga ukuba kungabanceda abantwana belali yam ukubanika ezi zakhono,”
kutsho uMncwabe-Mama.

Eli qobokazana
liceba ukwenza olu qeqesho kakuhle esebenzisa inkampani yakhe entsha iAt Your
Art Holdings. UMncwabe-Mama uthi wabhalela iBhunga lezobuGcisa neNkcubeko
eMpuma Koloni (ECPACC) ukuze ixhase uqeqesho noMnyhadala weeFilim.

UMncwabe-Mama uthi
bamaxhaphetshu belungiselela iQaba Film Festival eza kuqala kwiilali
zamaGqunukhwebe, ibonisa umsebenzi owenziwe ngabantwana ababaqeqeshele ukwenza iifilim nokuzibhala.

Aba bantwana baphuma kwezi lali baza kube bebukele
imidlalo abayivelise ngokwabo phakathi komhla we15-17 kweyeSilimela.

Le midlalo iza
kuboniswa yile: 1.Indlala inamanyala (ekhangele ubomi bobo baziphandelayo).

 2. Zolile Sonjica ( engenkwenkwana elula
ezithandela umdlalo wombhoxo de ibe iyaphumelela);

3. Konakele phi
na? ( inkqubombaliso engesikolo esakhiwe kumhlaba othethisayo);

4. Wakhala uMama
(Ibali elingomfazi odlwenguliweyo nezinye iimeko zendawo yokuhlala);

5. Buyel’ eMbo
(Ibali elingemicimbi yakwaNtu);

6.  iNkedama ( engebali lomntwana oyinkedama
omoshayo elalini);

7. Emily &
Andrea (ibali elingabo basafikisayo, uthando oluselula nesondo).

 

La mabali
kulindeleke aququnjelwe ukwenziwa ekupheleni kukaCanzibe ze aboniswe kwiilali
zaba bantwana eziquka iXesi, iQhibirha Komkhulu nakwaMayipase.

UMncwabe-Mama,
inzalelwane yaseMlazi eThekwini, eyendele eMnqaba, isebenzisana noNceba
Mqolomba ukuvelisa la mabali.

UMqolomba ngumsunguli
weSarah Bartmaan Film Festival okanye iEastern Cape Film
Festival.

“Eli licebo
lokwenza umboniso bhanyabhanya (series) kwezi ndawo zethu, kwaye sibe nethuba lokuzibumbela abethu
abadlali nabaxhonkxi bamabali,” kutsho uMncwabe-Mama.

“Namhlanje iqela
lokuqala belifota ibali lalo.  Siza kuba neenkqubombaliso ezine neefilim
ezimbini.

 

“Lo mnyhadala
weFilim ufuna ukuvuselela uthando lolwazi lwentlalo kwaye nokuba abatsha
bamanyane nabantu abadala,” utshilo.

 

Ubambe ngazibini
kuMama uNokwandisa oyiNkosi kweza lali ngokubaxhasa.

 

simphiwe.freddie@inl.co.za