IDivas of Jozi iyaqala kwiSABC 3 ngokuhlwa kwanamhlanje!

DIVAS OF JOZI – Igcwele idrama, iinyembezi kunye nentsini nanjengoko amagqiyazana amathandathu esiphathela amahla ndenyuka kunye nobomi bobucwebe kwinkqubo entsha kraca ye-SABC 3, eqalayo ngentsimbi yesibhozo ngokuhlwanje (4 kweyeKhala 2016).

Le nkqubo intsha ethabatha iyure, nesungulwa namhlanje uMvulo, izakube isibonisa ngobomi babo basetyhini abaphila nobomi abaninzi abaphupha ngabo. Banemali, istayile kwaye bahamba amatheko aphezulu, begudlan’ amagxa noosaziwayo behlabathi. Le nkqubo ivutyelwe apha ekhaya, ibeka umbukeli ngqo apho iiDivas zonwabe khona. Izakufaka ngaphakathi kumapomakazi wabo bavuz’ iqhosha elingenantunja.

Kaloku iiDivas of Jozi ziqhelene namagqiyazana phantse onke – oosomashishini, oomama abangatshatanga, nabaphethe imisebenzi yabo nobuzali kweliny’ icala, ukuya kuloo magqiyazana aphila ubomi obuntofo-ntofo – atshatele kubayeni abatyebileyo. Masikukrobise kwezi Divas: USorisha Naidoo – akadingi kuchazwa kubemi boMzantsi Afrika.

Siqale ukumbona kwiminyaka emithathu edlulileyo ngethuba edlala kwiScandal!.

Waze wadlala kwiHome Affairs, waphinda wasasaza i-Eastern Mosaic. Uyinkosikazi kasobhiliyoni waseThekwini uVivian Reddy, ukwangunina kubantwana ababini. UNaidoo, wayefudula enguMiss India SA kwaye unekliniki kwela Theku. USofashoni, uAimee Sadie, 30, uhlala eSandton eRhawutini. Uphethe ishishini losapho elibizwa iDESCH eseSandton City Mall. Unxibisa oosaziwayo abathile baseJozi. Ukanti ukwaqhuba neYoga nanjengoko esekuhambo lokuzonyula etywaleni. Uneminyaka emibini engabuthinti. UNazley Delport, ngumama ongatshatanga. Ungusomashishinikazi okwaphethe kwiinkampani zemveliso zeenwele. Ungumfundi weBusiness Management kwisikolo sezoshishino. UPuleng Mash-Spies, ukumtshato wakhe wesibini.

Unabantwana ababini kumtshato wokuqala. Uthi wazimanya esemncinane, wawuqhawula umtshato eselula. Utshate umyeni wakhe wesibini, ongumnini-ndawo yokutyela. Bobabini baqhuba umbutho wesisa. Ilungu lesihlanu leeDivas of Jozi ngumsasazi kamabonakude nonomathotholo uStevie French. Wakhe wasebenza njengombhexeshi weFox Channel eMelika. Wayekhe wadlala kwiSidingo esidlala kwiSABC 3 ngokunjalo nakwiHawu.

Ngoku usebenzela iCliff Central. Owesithandathu – ibengumama wamakhwenkwana amane nonenkampani epapasha ezengqesho uChristie Swanepoel. Uneshishini aliqhuba nalowo wayesakuba ngumyeni wakhe, ngelixa ezakutshata nesithandwa sakhe esitsha. Bobabini baceba umtshato wangaselwandle. Yonke le drama izakubonakala ngoMvulo ngentsimbi yesibhozo ngowe-4 kweyeKhala kwi-SABC 3, ize iphindwe ngoLwesithathu ngentsimbi yesithathu emva kwemini.