ITHUBA KWABAFUNA UKUBHALA IIFILIM!

INGABA useMpuma Koloni, unomdla wokuqeqeshwa njengombhali weefilim zikamabonakude? Ukuba kunjalo, nali ithuba ongafuni likwedlule. 

Abe-Eastern Cape Film Festival bebambisene neNational Film and Video Foundation (NFVF) banikezela ngoqeqesho lwamathuba (part time) athile kwabo bantu banomdla wokusebenza njengababhali beefilim nakwicandelo likamabonakude njengenxalenye ye-#EC10Developmental Initiative. 

Abo baphumeleleyo koku baya kufumana uqeqesho phantsi kwenkqubo iSediba “Spark” Screenwriting Training Programme nalapho bakuthi banikwe izixhobo zokubhala amabali anokuthi enziwe iifilim. 

Olu qeqesho lweenyanga ezintlanu, luquka usuku olunye loqeqesho oluza kuqhuba ngempelaveki yenyanga nganye.

Olu qeqesho luza kuqhutyelwa eMpuma Koloni kwaye abo baqeqeshwayo kufuneka bazimase zonke ezi ntsuku zakube zikhethiwe nanjengoko zingekabhengezwa. 

Le nkqubo imahala kumntu wonke. 

Okufunekayo:

  • Kufuneka ube uzalelwe okanye uhlala eMpuma Koloni. 

  • Amava kwicandelo leefilimu nomabonakude aya kubaluncedo. 

  • Ikhasi elinye elichaza ngefilim yakho oyibhalileyo. 

  • Ileta yenkuthazo echaza intsukaphi okanye oko kukhuthazwe lelo bali lakho, kutheni ufuna ukuba kwicandelo leefilimu nomabonakude kwaye uzibona usenza ntoni ngenye imini. 

  • Uthumele iCV/Biography okanye iprofayili yakho. 

Okunye, kufuneka ube nolwazi ngokwenzekayo kule mihla kumabali ohlobo lwedrama, imidlalo yeqonga nefikshini. 

Kufuneka ubani abe nobuchule kwaye akwazi ukusebenzisa ikhompyutha. 

Thumela isicelo sakho kwi-email engu: ec10@ecfilmfestival.co.za

Imibuzo ingabuzwa kuNceba Mqolomba ku: info@ecfilmfestival.co.za

Ukufakwa kwezi elo kuyavalwa ngoLwesihlanu we-6 kweyeThupha/August 2020.

Akusayi kuthatyathwa zicelo ezifike emva kwexesha.