Ithuba kwabafuna ukudlala kumabonakude

ABO baseMpuma Koloni nabanentshisakalo yokuzibona beseqongeni lemidlalo kamabonakude ngeliny’ ilanga, kodwa babe bengenazo iimpiko zokufikelela ekufezekiseni amaphupha abo, banikwa ithuba.

Umdlali kumabonakude, uChumani Pan, uphinde wabuya ityeli lesibini eMonti ezokunika ulutsha olufuna ukufana naye icham lokuqeqeshelwa ukudlala kwimidlalo kamabonakude.

Olu qeqesho luntsukuntathu luza kuqhutyelwa ePontoon Road, kwisakhiwo esiseRiver Park edolophini kuGompo (Monti) ukuqala ngomhla we23, 24 ne25 kuTshazimpuzi (April).

“Eli lithuba kubantu abanomdla wokudlala kwimidlalo kamabonakude, abantu ekudala bewenza lo msebenzi kwanabo bangakwazi kuya esikolweni sokuqeqesha abalingisi kodwa babe benomdla wokufunda ngeendlela ekusetyenzwa ngazo kwiqonga lokulingisa,” kutsho uPan encokolela I’solezwe lesiXhosa.

UPan yinzalelwane yakwilali yaseSoto eMooiplaas. Uzakhele igama kwimidlalo efana neGenerations, Ashes to Ashes, Montana, Igazi, The Kingdom – Ukhakhayi neminye ekungasa siyibala.

Uthi sekuyiminyaka enqwenela ukutshintsha imeko kwiphondo lakhe lokuzalwa.

“Kuqale ngokuthi qho xa ndityelele ekhaya eMpuma Koloni, ndifumane imibuzo eliqela yokuba ndifikelele njani kule ndawo ndikuyo, ndithi xa ndibaxelela ukuba ndifunde eCity Varsity, ndibe sendibaxelela neemali ezihlawulwayo – ndibone ukudandatheka ebusweni babo, ” kubalisa lo mdlali kamabonakude.

“Ngelishwa, abantu abaninzi eMpuma Koloni abakwazi ukufikelela ngokwempokotho kula mazikomfundo, kulapho ndaye ndahlala phantsi, ndacinga ukuba okuncinane endinokwenza kukuvula iqonga lokufunxa ulwazi lokuba kusetyenzwa njani kwiqonga lemidlalo kamabonakude kwaye ubani kufanele aqale phi, ” kutsho uPan.

Abo banomdla wokuzimasa olu cweyo kufanele baze bephethe incwadi yokubhala ulwazi abalufumanayo.

Baza kunikwa umsebenzi neendima abaza kuzidlala kwezi ntsuku zintathu zoqeqesho.

“Siza kuba shicilela xa beseqongeni bedlala iindima abazinikiweyo ukuze babenomsebenzi wabo oshicilelweyo,” kutsho uPan.

UPan bekhe walwenza olu cweyo kwaye elwenza felefele kwiminyaka emibini edlulileyo eMonti, ekhupha kuye epokothweni encediswa liqela asebenza nalo.

Kodwa ngoku izinto zitshintshile, abo banomdla wokufunxa ulwazi iintsuku ezintathu zoqeqesho kuza kufuneka bekhuphe imali engangeR700 eza kuncedisa ukuhlawula indawo, izixhobo zokusebenza, ukuhlelwa komsebenzi nokunye okuninzi.

Ukuzibekela indawo thumela umyalezo kaWhatsApp okanye utsalele kwezi nombolo:

0711935743 okanye 0733561438.

Ukanti ungaphoswa nguPan esenza adume ngazo kumdlalo omtsha iDie Sentrum kwiSABC 2 ukuqala namhlanje (8 April) ngentsimbi yesithandathu ngorhatya.