Kumabonakude kuleveki

MUVHANGO

UNdalamo ugqiba ekubeni lilixa lokuba aqhawule amatyathanga noMatshidiso. UThandazwa ubuyela kwisikhundla esiqhelekileyo ngoncedo luka-Azwindini. UNdalamo nosapho benza isikhumbuzo sikaVho-Albert.

UJames wothukile akuva ngoNdalamo iindaba ezinkulu ngoThandaza. Iqhinga elilandelayo likaMatshidiso lokuzuza uNdalamo ingalelona lakhe lanobungozi.

ISIDINGO

UBrad uzimisele ngogwayimbo lwabasebenzi.

UNikiwe uthabatha inyathelo elinyusa amathemba kuCalvin. UGabriel ujoyina uZukiswa ekukhuculeni umoya omdaka okhoyo ekuhlaleni.

UBarker unika uBrad isithembiso esothusayo. UCalvin uzilungiselela ukwenza oyena ndlela-ntle wakhe wanzima ebomini bakhe.

GENERATIONS

UNolwazi ugqiba ekubeni alibale ngezolo, aqhubeke ngobomi. Ugqirha Kruger iyamntywantyisa into uGadaffi amyalela ukuba makayenze.

Umboniso bhanya-bhanya othunyelwe nge-USB wenza usapho lakwaMoroka luntywantywe. UTau wenza isibhengezo esothusayo kwiinkomfa noonondaba. UGetty ukhwankqisekile yinto ethethwa nguMam’Sonto wokwenene. UCosmo ugunyaziswa ukuba atshabalalise bonke ubungqina.

SCANDAL!

UShakira uzimesele ukuba aqhubeke nobomi bakhe, kodwa akazi ukuba ukuba imfihlo emanyumnyezi ngaye iveziwe. Into ebekufanele idale isidubed

ube entolongweni ijika ibe yintlekele enkulu echaphazela ubomi babantu abaninzi. ULucas wothukile ziimvakalelo ezingalindelekanga, kwaye oyena mntu wokugqibela ukrokreleka ukuba ubandakanyeka kulwaphulo-mthetho.

RHYTHM CITY

UPuleng ufumanisa ukuba nakuba uSuffo efuna ukuba kunye naye nje, uyakusoloko ekhokelisa uNiki noBusi. UMampho noShakes basondelelana mpela. USuffo uzityanda igila kuNiki kwaye uzimisele ukuba alungise izinto.

UShakes ubhexesha inkqubo kanomathotholo ngoncedo lukaMampho. Udadebawo kaSuffo, uNtombizodwa, ugocagoca uPuleng ngezona njongo zakhe.