Ngoobani abachongelwe kumawonga eBEAT Magazine SA kulo nyaka?

UMHLA we-9 kweyeKhala/July 2016, lusuku lomsitho wesithathu eqhuba amawonga eBeat Magazine (3rd Annual BEATMagazineSA Awards 2016).

Lo msitho, nanjengeminyaka egqithileyo, uzakubanjelwa kwiziko iGuild Theatre eMonti.

I-BEATMagazineSA, liqonga lokuveza italente yeMpuma Koloni nkalwana zonke.

UZizo Beda kunye noLoyiso Bala, ngabo abasele bewongwe ngembasa ye-I Am Eastern Cape, neliwonga lokuqwalasela imisebenzi negalelo abasele belenzile ukubeka eli phondo encotsheni.

Ukanti ozakuthi awongwe ngembasa phantsi kweli bakala (I Am Eastern Cape Award) , kulindeleke athiwe pa-ha ngomhla we-17 kweyeSilimela ka2016. Naba abachongelwe kwiimbasa zalo nyaka:

* A – EVENT OF THE YEAR

1. Ebubeleni Music Festival

2. Natives Summer Party

3. Countdown Music Festival

* B – DJ OF THE YEAR

1. DJ Lentor SA

2. DJ PK Dweba

3. Kingwave

* C – BEST MALE ARTIST

1. Cherra

2. PV

3. King Meezi

* D – FASHION BRAND OF THE YEAR

1. Refined Revolt

2. La Street Wear

3. Eastern Cape Originals

(ECO)

* E – PROJECT OF THE YEAR

1. Se7en the Reign by Cherra

2. EAMNT Tha EP by EAMNT

3. Bambiz’utsotsi Mixtape by

Rah Lujah

* F – PROMOTER OF THE YEAR

1. Mr Shein

2. Sizwe Ndlovu

(Blacksmithed)

3. Bandile Magibili

* G – BEST COMEDIAN

1. Prins

2. Umfundisi Oyinkathazo

3. Shuz Sigobelwana

* H – BEST COMMUNITY RADIO STATION

1. Mdantsane FM

2. Khanya FM

3. Izwilethemba FM

* I – RADIO PERSONALITY

1. Buhle Geleba (Mdantsane

FM)

2. Mavusana (Mdantsane FM)

3. Brother TS (Izwilethemba

FM)

* J – RADIO SHOW OF THE YEAR

1. Simunye Drive

2. For Thetha (Politics)

3. Morning Experience

* K – PERFORMER OF THE YEAR

1. Swagger

2. MRC

3.Rah Lujah

Ukuvotela lowo uhamba naye: Thumela imbalelwano yeSMS enegama uBEAT + Category Letter + Inombolo yeNominee ku-32666

Umzekelo: SMS “BEAT K1” ku-32666 Iminxeba yokuvota iyavulwa ngomso (3 Juni 2016) ize ivalwe ngeCawe (3 July 2016).

Ngeenkcukacha ezithe vetshe ngokuvota namatikiti, tyelela umnatha : www.beatmagazinesa.co.za/awards okanye uthenge I’solezwe lesiXhosa ukuze ubesethubeni lokuphumelela amatikiti.

Amatikiti ayafumaneka eComputicket nge-R150. Ungaphoswa!

simphiwe.freddie@inl.co.za