OwaseMpuma Koloni nguBen 10 waKwaMashu

Mhlawumbi kudala uzibuza ukuba ngubani lo Ben 10 kaMam’ uMadlala othetha isiXhosa kuZalo, ngethamsanqa I’solezwe lesiXhosa limkhangele lamfumana esaxakekile kwezo zitalato zakwaMashu.

Eli tyendyana nguOthembele Nomgca, inzalelwane yaseBhungeni, eFlagstaff eMpuma Koloni.

UNomgca, ominyaka engama20 ubudala, udlala indima kaBongz kulo mdlalo oboniswa rhoqo ngokuhlwa phakathi evekini kwiSABC 1.

UBongz lo, owaqala ukubonakala kuZalo kunyaka ophelileyo, nguBen 10 omtsha kaMam’ uMadlala kulo mdlalo othandwa kunene eMzantsi Afrika.

UBongz ligatyana lomfana ovela emakhaya eMpuma Koloni, ebaleka impathombi yabazali bakhe, ugaleleka kwelaseThekwini ngelifuna ukuzibophela amaxonya ukuze naye abe ngumntu ebantwini.

Akukho nto ubomi basesitalatweni obungamfundisanga yona.

UNomgca, oqale kunyaka ophelileyo ukubonisa isakhono sakhe kuZalo, udlala indima yakhe yokuqala ngqa kumabonakude.

Akuphumelela iMatriki ngo2017 eKokstad eminyaka ilishumi elinesithandathu, uNomgca wakhetha ukuyokwenza izifundo zeDrama and Production eDurban University of Technology (DUT), apho wayesabela kubizo olwamfikela ekuGrade 11. Kulapho aye wadibana nabanye abadlali bakamabonakude abaziwayo abafana noWiseman Mncube (Sibonelo kuZalo) noThobani Nzuza ( owayenguKhehla kuZalo).

Ubalisa athi ukhule engenamnqweno wokuba ngumdlali kamabonakude.

“Bendizithandela umculo nombhoxo. Kodwa phaya kuGrade 11 ndanento ethanda ukubukela Ityala lamawele, ndilinganise umlinganiswa onguPhekeza esikolweni, lwaqala apho ke uthando lwalo msebenzi ndiwenzayo ngoku,” kutsho uNomgca.

Kunyaka kaNomgca wesithathu eDUT, uye wazifumanela iMizan Casting Agency, oku kuye kwangunobangela wokuba afumane indawo kuZalo.

“Ndandisele ndizixelele ukuba ndibuyela ekhaya eMpuma Koloni kuba yayiza kubayiLockdown. Kodwa ndaye ndathathwa kuZalo emva kokuya kuvavanyo (audition). Indima kaBongz ngoko yayingeyomfana nje ozizamelayo, othengisa iimpahla,” kubalisa uNomgca.

Uthi ukungasokoli ukungena kuZalo kwamenza wasithemba nangakumbi isakhono sakhe.

Uthi ukudlala noomakhwekhwetha ebekade ebabona kumabonakude abafana noWiseman Mncube, ooJet Novuka nooBaby Cele kumenza azive ethobekile.

“Ndiziva ndithobekile, kwaye ndinoloyiko, ndingakholelwa ngamanye amaxesha oku kuyenzeka ngokwenene,” kutsho uNomgca.

Uthi usondelene nabo kakhulu oogxa bakhe nanjengoko engumntu othanda wonke umntu.

“Ndivana nabo nabasebenza ngemva nanjengoko ndinomnqweno wokuprodyusa nam ngenye imini,” utshilo.

UNomgca uthi ukudlala indima kaBen 10 kukhona okumfundise kona.

“Kundifundisa ukuba abantu bohlukile, uthando alunanto yakwenza neminyaka yokuzalwa kwaye umntu angathanda nokuba ngubani, mngakanani, ngowesiphi isini,” kutsho eli tyendyana, nangona lisithi lona belingeke lithandane nomntu ongangoMadlala njengoBongz.

Uthi khange akufumane kunzima ukudlala njengoBen 10 womntu omdala kuye nanjengoko efumene uqeqesho lokuqheliswa oku, ekwathi noNtombifuthi Dlamini odlala njengoMadlala umenzela umsebenzi olula nanjengoko bencokola amaxesha amaninzi.

Ukwathi xa lifikile ithuba lokuphuza uMadlala akayi kubamba mzimba okanye akubone kunzima nanjengoko uza kube esenza oko kulindelekileyo kuye emsebenzini.

Eli tyendyana lithi akukabikho ndima apho kufuneka bephuzene noMadlala nanjengoko iselixesha leCovid-19.

UNomgca, oligqibelo kubantwana abasixhenxe, oosisi abahlanu nomntakwabo, uthi nguye nomntakwabo abalandele ikhondo lobugcisa.

Umntakwabo uMasithembe yimvumi yomculo weOpera ekwadlala ipiyano nemarimba.

Uthi abazali bakhe bamvumela ukuba ayokufunda izifundo zeDrama noxa nje babenomqweno wokuba enze izifundo zomthetho.

UNomgca ukwaqeqesha italente esakhasayo eMizan Casting Office eThekwini, esebenza noLindokuhle Masondo noTumisang Bosuga, bencedwa nguMlawuli weMizan uThemba Zuma.

Uthi umzuzu nomzuzu awufumanayo ubulela amandla oMdali nanjengoko ekhule engumntwana obekhathaza ngokwempilo.

Uthi okona ohluke kango kuBongz amdlalayo kukuba yena uyawoyika amantombazana, ukugqula intombazana kunzima kuye.

“Yeyona nto ndikhule ndiyoyika,” utsho efile yintsini.

“Ndiyakuthanda ukuthetha nokonwabisa abantu, leyo yinto endicinga ukuba sifana ngayo noBongz.”

Ungamlandela uOthembele kumakhasi onxibelelwano.

KuFacebook: @Othembele Nomgca kuIG: @othembele_diba_nomgca okanye ubukele Uzalo kuSABC1 ngo20:30 phakathi evekini.