OwaseMthatha ufumen’ ithuba kwiGenerations

Sivuyile Titi

EMVA kokubukelwa nguMbongeni Ngema edlala kumdlalo weqonga iSarafina eKapa, oko kwaba sisiqalo somdla wokulingisa kwityendyana laseMthatha, uSivuyile Titi.

Ukususela ngoko, uTiti, 26, onkaba iseXhongorha kwaMbozwana, wafuna ukuzibonakalisa nangakumbi kwicala lokulingisa.

Emva kokuxelela uNgema ukuba ufuna ukulingisa kwimidlalo kamabonakude, wagqiba kwelokufudukela eRhawutini, apho afike wabhalisa igama lakhe ngokudlala iindinyana ezincinane kwimidlalo emikhulu efana ne-7de Laan, The Queen nakwiThe Imposter.

Kwezi ntsukwana zizayo siza kubona uTiti edlala indinyana engephi kwiGenerations – The Legacy, ekudala enqwenela ukudlala kuyo. I’solezwe lesiXhosa lincokole noTiti exakekile elungiselela ukuya kwiseti yeGenerations, nalapho avakalise ukuba ufile yimincili.

“Kudala ndinomnqweno wokuba phaya kwiGenerations, ndithandazela ibe yindima enkulu. Ndinemincili, andazi nokuba ndithini!” kuvakalisa uTiti, watsho esithi ubulela usapho lwakhe ngokumxhasa. “

Ndibulela inkxaso kusapho lwaMaMpinga, ooDlamini, ooTolo nooMbanjwa,” kutsho uTiti enovuyo.

Uthi nangona le ndima ayifumene kwiGenerations ingenkulu kuyaphi kodwa ibonakala inkulu kuye. Kulo mdlalo uthi uza kuba ngomnye wabafundi abafunda noNontle noMelokuhle kwaye babonakala bexakekile besenza iprojekthi yesikolo.

“Kudala ndayinqwenela le nto ndisakhula,” kutsho uTiti.

Uthi ubulela nakwi-M Agency eyabona isakhono kuye. Kulindeleke abonakale kwiveki yesibini kuJuni kwiGenerations.

IGenerations-The Legacy idlala ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu ngentsimbi yesibhozo ngokuhlwa kwiSABC1.