Umabonakude uphinde walahlekelwa

Candy Moloi
AYAPHOKOKA amazwi ovelwano emva kokubhubha komlingisi kamabonakude uCandy Moloi.

UMoloi, osweleke izolo eminyaka ingama67, waziwa ngendima yakhe kaVho-Makhadzi kumdlalo weSABC 2 iMuvhango.

Ebengomnye wabadlali bokuqala beMuvhango kususela ukuqala kwalo mdlalo ngoTshazimpuzi ka1997.

UMoloi waziwa nangendima kaMaModumedi kumdlalo othi Death of a Queen, owawuyinxalenye yemidlalo kaShakespear eyayisenziwa yiSABC 1 ngo2008.

Ngo2014 udlale indima kaFhatu Neluvhola kumdlalo weSABC 2 iThola.

UMoloi ngumama kaLerato Moloi. 

Iindaba zokubhubha kukaMoloi zifika kanye xa iqonga lolonwabo lisazikhoth’ inxeba emva kokusweleka komdlali weSkeem Saam obekwangumsasazi uKarabo ‘Jazzy T’ Mokhubela. 

UJazzy T weSkeem Saam ebekwangumsasazi weImpact 103, isikhululo sikanomathotholo sasePitoli. 

KwiSkeem Saam ebesaziwa njengesithandwa sikaBontle. 

Ukanti bekusandul’ ukungcwatywa oomakhwekhwetha bemidlalo kamabonakude, uAllen Booi owaziwa njengoGagashe kuBambo Lwam kwakunye noDuma Mnembe owayenguBheseni kuHlala Kwabafileyo, ekwaziwa nanjengoLefty kuVelaphi.