Umabonakude uzilele uGagashe noLefty

Kothuke abaninzi kuela iindabaa zokusweleka kuka-Allen Booi ozenzele igama kwimidlalo kamabonakude. UMFANEKISO: OSELUGCINWENI

ABATHANDI bezolonwabo, ingakumbi umabonakude eMzantsi Afrika basothukile kukusweleka komakhwekhwetha wemidlalo kamabonakude uAllen Booi.

UBooi, oswelekele ekhayeni lakhe ngoMvulo wale veki, waziwa kwimidlalo kamabonakude eliqela efana noGenerations, Ubambo Lwam, Muvhango, Isidingo, Soul City, Backstage, Mponeng, After Nine, Zero Tolerance, Zone 14, Zabalaza, Tsha Tsha, Society, Room 9, Jozi Streets, Isibaya, Igazi, The Queen, A Place Called Home, Intsika, 90 Plein Street ne-Intersexions.

Iindaba zokunduluka kukaBooi emhlabeni zifika kanye ngethuba eli lizwe lisazikhoth’ inxeba emva kokusweleka kwelinye igqala lemidlalo kamabonakude, uMary Twala, emva kokugula ithuba elide.

Ukubhubha kukaBooi kungqinwe yinkampani ebimphethe iTrinity Management.

Amalungiselelo omngcwabo bengekabhengezwa ngethuba sibhala eli nqaku.

Kusenjalo, elinye igqala likamabonakude uDuma Mnembe, obhubhe ngoLwesihlanu emva kokuquleka kwikhaya lakhe eliseMzimhlophe eSoweto, uza kungcwatywa kule mpelaveki.

Lo mlingisi, 65, waziwa ngendima yakhe kaBheseni kumdlalo kamabonakude wakudala uHlala Kwabafileyo, kwakhona, wadlala indima kaLefty kuVelapi. Inkonzo yakhe yesikhumbuzo iza kuba namhlanje [Lwesine].