UStuurman uzakudlala kumboniso weJune 16

IGQIYAZANA lemidlalo kamabonakude, nelisandul’ ukubonwa kumboniso * -Happiness Is A Four Letter Word, uRenate Stuurman, uzakudlala kumdlalo weqonga kungoku nje.

UStuurman, uzakudlala kumdlalo uSuddenly the Storm, mdlalo lowo obhalwe nguPaul Slabolepszy.

Ngokutsho kweSowetan, lo mdlalo ‘’Suddenly the Storm’’ kulindeleke uvulwe ngomhla we-7 kweyeSilimela/June eMarket Theatre, eNewtown eRhawutini.

UStuurman udlala indawo kaNamhla Gumede, nowazalwa ngomhla we-16 Juni 1976.

Kulo mdlalo weqonga, uNamhla ukhangela iimpendulo kwimibuzo yeminyaka engamashumi amane eyagqithayo.

“Ndichulumancile kukubuyela apho ikhono lam lokudlala eqongeni laqala khona. Kumnandi ukusuka kwiifilimu ukuya eqongeni. Nangona nje ndizithanda iifilimu nomabonakude, kodwa ndingowaseqongeni,” utshilo uStuurman.

UStuurman, nowagqibela kwimidlalo yeqonga kwiminyaka emihlanu eyagqithayo, uthi uziva enovalo kancinane.

“ITheatre indikhumbuza iintsuku zam zokuqala kweli khono. Kulapho ndaqala khona. Iqonga yindawo elungileyo kuba likukhumbuza isiseko sokulinganisa.”

Uthi abathandi bemidlalo yeqonga bangalindela uchulumanco nomdlalo ochukumisayo.

Uthi ibali lingokunyoluka, uthando nokuphila.

Eli bali lelokubhiyozela iminyaka engamashumi amane yesiganeko sempalalo-gazi yaseSoweto (Soweto Uprising).