113 yeminyaka esidla ubomi umfo waseKhobonqaba

UFreddy Blom waseDelft ngoyena mntu mdala eKapa umfanekiso: NICHOLAS ABRAHAMS

UFreddy Blom waseDelft eKapa noyinzalelwane yaseKhobonqaba eMpuma Koloni, angahle abe ngoyena mntu mdala eMzantsi Afrika nakwi-Afrika nanjengoko efince iminyaka elikhulu neshumi elinesithathu (113).

Ezilusizi ngobomi bakhe kukuba akazange abenabo abantwana abaphuma kuye kuloo minyaka imininzi injalo yokuphila kwakhe. Ingxelo ithi isazisi sikaBlom sibonisa ukuba wazalwa ngonyaka ka1904 ezalelwa eKhobonqaba kweli leMpuma Koloni.

Kunyaka ophelileyo, iphepha elingugxa wethu iDaily Voice, ibikwa yinxalenye yemibhiyozo yeminyaka elikhulu neshumi elinesibini yazalwa le ndoda yaseKhobonqaba. NgoMvulo wale veki, inkokheli yasekuhlaleni uGadija Francis umeme eli phephandaba lasekuhlaleni nanjengoko ebelungise isidlo sokonwabisa uBlom ngenxa yokugqiba iminyaka elikhulu neshumi elinesithathu.

Ngokwengxelo, uBlom ubephila ngokuthutha iinkuni kwihlathi elikufutshane nekhaya lakhe de wafika kwiminyaka elikhulu nesithandathu (106).

“Ndiziva ndingangomntwana kuba uThixo undithwele, ndiziva ndisempilweni ngeyona ndlela,” uthethe watsho uBlom. Uthi akasatshayi cuba uphila kuphela ngokomnqweno kaThixo wakhe kungoko aphile ubomi obude. Ingxelo ithi ugqibelise ukuphatha inqawe kunyaka ophelileyo.

Le ngwevu iphila obu bomi bude kangaka nesithandwa sayo uJenette ominyaka ingamashumi asibhozo anesithathu ubudala, kwaye abazange bambone umntwana ongowabo bobabini.

Ebuzwa ngoonondaba uBlom, uthi akakhumbuli ukuba wazimanya nini ngeqhina lomtshato nesi sithandwa sakhe. “Ndenza isifungo sokuba ndizakuphila naye nokuba kunjani, ngoko ndigcine eso sithembiso,” kutsho uJenette.

UJenette uthi ukwamkele ukuba umyeni wakhe sele ekhulile ngoko ke akanako ukufikelela kuzo zonke izinto abazinqwenelayo.

“Ndakuhlala naye kude kube sekufeni,” uthethe watsho uJenette.

Oyena mntu mdala eMzantsi Afrika okhe wabonwa nguMoloko Koko Temo obhubhe ngeyeSilimela ngo2009 (4 yeKhala 1874-3 Silimela 2009) eminyaka ilikhulu namashumi amathathu anesine (134) walibonayo ilanga.