57: inani lababulawa yonk’ imihla eMzantsi

Ngokweenkcukacha-manani ezikhutshwe nguMphathiswa wamaPolisa, ngama57 abantu abathi babulalwe ngosuku eMzantsi Afrika.

Oku kuthetha ukuba linyuke ngeepesenti ezintandathu ekhulwini izinga lokubulawa kwabantu ukusukela kwiminyaka edlulileyo.

Ngokwenani, oku kuthetha ukuba bangama20 336 abantu ababuleweyo kunyaka ophelileyo. Esothula ingxelomanani yolwaphulomthetho yonyakamali ka2017/2018 kwikomiti ejongene namapolisa ePalamente eKapa, uMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele ufanise izinga lokubhubha kwabantu nezinga lokubhubha kwabantu emfazweni.

UMphathiswa uthe angaphezulu kwezigidi ezithathu amatyala olwaphulomthetho aye abikwa kuMzantsi Afrika uphela.

Ilokishi yaseNyanga eKapa isahamba phambili ngamanani abantu abagetyengwayo. Kunyaka ophelileyo ngamakhulu amathathu anesibhozo amatyala okubulawa kwabantu angene kwisikhululo saseNyanga.