Abafazi bakwaXhosa bavuyela iziko elitsha lezobuGcisa ephondweni!

Iqela loomama abasele bekhulile nabaphuma kwikhaya iNomzamo Old Age Home eLitha, eQonce, kwakunye naseGompo Community Art Centre ngexesha labo abalichitha kula makhaya abangqengqi ngamacala ebhedini bamamele iintlungu zomzimba.

Endaweni yoko bachitha ixesha labo ngokuthi basebenzise izandla zabo ngokuthi bathunge, bahlohle iintsimbi kwaye bayile.

Lo msebenzi wabo mhle ubanike ithuba lokuba uvulelwe iziko elibonisa ngobuGcisa eAnn Bryant Art Gallery eSouthernwood eMonti, apho nabani na onomdla wokuya kuthenga nokubuka anganethuba lokutyelela kweli ziko.

Eli ziko livulwe kwinyanga ephelileyo nalapho oomama aba becacisa kuluntu ngohlobo abathi bazihlohle ngalo iintsimbi.

Imbali ephuma koomama ithi into yokuhlohla yinto yakudala yoomama babo bakwaXhosa xa benexesha babeye bathunge okanye bahlohle ingakumbi nabo babephangela emakhitshini ngexesha labo lokuphumla babephumlelela kwiintsimbi zabo.

Oomama okunye abakutshoyo bathi oku kukugcina imbali yakwaXhosa, xa behlohla baye babalise neentsomi okanye bombele.

UZodwa Skeyi Tutani nongumfundi kwiyunivesithi yaseRhodes nowenza izifundo zeFine Arts nokwakhokela le projekthi yabafazi, uthi inkcubeko luthando kuye kungoko ekhetha ukwenza olu phando.

Uthi udibanise la maqela oomama nabaphakathi kwamashumi amathandathu ukuya kumashumi asibhozo ubudala kuba ngabona banamava kwesi sakhono.

Uthi abahlohli kuphela bakwaphuhlisa nohlobo ubani anokuthi anxibe ngalo xa enxibe isiXhosa.

“Ngokwenza oku sizama nokubonisa ukuba ezi ntsimbi zibalulekile zichaza ubuXhosa bethu. Kwaye sizihombisile kuba sifuna abantu bayiqhele into yokuzinxiba nokuba awuyi mcimbini nanini ungakwazi ukuhomba ngazo,” utshilo uSkeyi Tutani.

Kweli ziko ikhona nemizobo esedongeni ezotywe ngoomama ngezandla zabo.