‘Abafuni kundigonya, bathi ndigonye eRhawutini’

INKOSIKAZI yaKwaZakhele eGqeberha ithi ikruqukile kukwehliswa isenyuswa ngamagosa ezempilo abanga ngelithi igonyile logama ingazange yasihlaba isitofu sokugonyela iCovid-19.

ULuluse Tyobeka (67) uthi wayeye kwikliniki iLunga Kobese KwaZakhele ngomhla weshumi elinesithandathu kweyeKhala ngethuba exelelwa ngabasemagunyeni ukuba sele egonyile.

“Ngala mhla ndaqaphela ukuba abantu abafike emva kwam bayagonya bahambe, kodwa mna ndihleli nje phantsi andide ndibizwe,” kutsho uTyobeka.

“Ade andibiza amanesi, athi kum ‘sele ugonyiwe’. Ndibabuzile ukuba ‘kanti ndizothini apha’, bathi iinkcukacha zam zibonakalisa ukuba ndigonye eRhawutini. Emva koko ndibabuzile ukuba le nto iza kuthetha ukuthini, bathi baza kufowuna. Bafowunile nyhani, kodwa inombolo ayikhange iphendulwe mntu.”

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane kwinkqubo yogonyo eMpuma Koloni UMFANEKISO: MANDLA NDUNA

UTyobeka uthi waxelelwa ukuba eze emva kweentsuku ezintlanu azoqonda imeko yakhe. “Ndaya nyhani, bathi abakafumani mpendulo. Ndikhe ndazama ukufowunela inombolo yoncedo malunga nogonyo, kodwa andaphendulwa.”

“Emva koko ndiye kwiSebe lezeMpilo, nalapho bazama ukundifowunelela. Phaya kwiSebe lezeMpilo ndababonisa umyalezo othi sele ndigonyile. Kuqengqeleke iiveki oko ndilindile iSebe lezeMpilo eGqeberha lisithi lisalinde kwiSebe likaZwelonke,” utshilo uTyobeka

Le nkosikazi ithi ingumntu “onempilo enkenenkene” yiyo lo nto afuna ukugonyela intsholongwane yeCovid-19.

UTyobeka uthi ngentsasa yangoLwesibini kule veki ufumene umyalezo othi makayohlaba isitofu sesibini sogonyo ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kweyeThupha.

“Lo myalezo uthi mandiye kwiziko laseRhawutini kwesi sitofu sesibini. Eli Sebe lezeMpilo kutheni le nto lingenankathalo kanje? Kubuza uTyobeka.

Isebe lezeMpilo eMpuma Koloni lithe liza kuyiqwalasela imeko kaTyobeka, ze libuye nempendulo echaza unobangela kwanomkhombandlela.