Umsasazi weNyan’ Nyan uza kufunda eyunivesithi okokuqala!

UMSASAZI weNyan’ Nyan, uLuyanda Potwana, uza kufunda eyunivesithi okokuqala kususela oko waphumelela imatriki kwiminyaka engama20 eyadlulayo.

UPotwana, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba uza kufunda kwiYunivesithi yaseLondon, apho aza kube esenza khona izifundo zeNzululwazi kwezeNgqondo (BSc in Psychology).

Lo msasazi uthi ufake isicelo kule yunivesithi ngobuxhakaxhaka beintanethi.

UPotwana, ominyaka engama39 ubudala, ukholelwa ukuba imfundo ayigugelwa.

“Ndicinga ukuba yonke into inexesha layo. Kwaye ndiyazi emoyeni wam ukuba elo xesha leli. Ewe sele ndimdala, ndina39, kodwa imfundo ayigugelwa kwaye iphupha alincanywa,” kutsho uPotwana.

UPotwana, osandul’ ukuzimanya ngeqhina lomtshato nentombi yaseThekwini, ukwathi uceba ukufudukela phesheya kweelwandle.

“Ndifuna ukusebenza eUK mhla ndagqiba nezifundo zam, nanjengoko inkosikazi yam isebenza kwaye ikwahlala khona,” kutsho lo msasazi.

UPotwana ebesandul’ ukuvuma ubizo lobugqirha nobuthandazeli.

Uthi ukufunda kwiYunivesithi yaseLondon, neyenye yeeyunivesithi ezibalwa phambili ehlabathini kukufezekiswa kwephupha lakhe.

“Yeyona nto bendiyifuna, ndafaka isicelo ndaze ndamkelwa.”

I’solezwe limbuza ukuba ukukhetha izifundo zePsychology kunento yokwenza na nomsebenzi wakhe wokusombulula iingxaki zabantu kwiNyan’ Nyan, uphendule wathi: “Ukuqubisana neengxaki zabantu, iimvakalelo zabo nendlela yabo yokuziphatha kule minyaka isibhozo idlulileyo, ngokwenene kube nefuthe ekwenzeni olu hlobo lwezifundo.”

Uthi uza kufunda kule yunivesithi ngamaxesha athile (part-time)

UPotwana waphumelela uGrade 12 eSEK Mqhayi Senior Secondary eNU 10 eMdantsane ngo2001.