Abafuni magqwetha abarhanelwa bakwaMancoba

UAndani Monco, Kwanele Ndlwana, Siphosomzi Tshefu, Siphesihle Tatsi, Phumzile Mhlatywa kwakunye noPhuthumile Mancoba. Lo mfanekiso wawuthathwe kwiNkundla kaMantyi eNgcobo

Ijaji eza kuchophela ityala labarhanelwa baseNgcobo kwibandla lakwaMancoba kuza kufuneka ichule ukunyathela kuba abanalwazi lomthetho.

Oku kuthethwe yiNjingalwazi yezoMthetho uJames Grant weYunivesithi yaseWits. OkaGrant ebenika uluvo lwakhe ngendlela alibona liqhuba ngayo eli tyala xa abarhanelwa bemi ngelithi abafuni magqwetha.

Isihlanu kumalungu amathandathu ebandla lakwaMancoba, nabangabarhanelwa kwizityholo zokudubula babulale amapolisa amahlanu eNgcobo, baxelele iNkundla ePhakamileyo yaseMthatha kule veki ukuba abafuni gqwetha.

Oku bakutsho emva kokuba ijaji yale nkundla uZamani Nhlangulele ebakhumbuze ngamalungelo abo okumelwa ngokwasemthethweni.

Le jaji icele neentsapho ukuba zingenelele zibonisane nabarhanelwa. Esi sihlanu nguAndani Monco, Kwanele Ndlwana, Siphosomzi Tshefu, Siphesihle Tatsi kwakunye noPhumzile Mhlatywa.

NguPhuthumile Mancoba kuphela kubarhanelwa obhenele egqwetheni lakwaLegal Aid. Esi sithandathu sabanjwa ngomhla we24 kweyoMdumba emva kwesiganeko esakhwankqisa eli loMzantsi Afrika emva kokuhlaselwa kwesikhululo samapolisa aseNgcobo.

Kolo hlaselo kwadutyulwa amapolisa amahlanu, amabini kuwo adutyulwa asweleka kufutshane nesikolo saseNyanga, aphangwa izixhobo eziquka imipu emibini, iivesti zokuzikhusela kwiimbumbulu kwakunye nesithuthi samapolisa.

Emva koko abarhanelwa baya esikhululweni samapolisa eNgcobo, apho badubula babulala amapolisa amathathu, baphanga isikhululo imipu elishumi, inqwaba yeembumbulu ezingaphaya kwekhulu kwakunye neevesti zamapolisa zokuzikhusela.

Zonke ezi zixhobo zafunyanwa kwikhaya lakwaMancoba elalikwalibandla iMancoba Seven Angels Ministry. Abarhanelwa abasixhenxe ekukho kubo oonyana abathathu bakwaMancoba badutyulwa basweleka.

Bobathandathu abarhanelwa bebevele kwiNkundla ePhakamileyo eMthatha nalapho liza kuqhutywa khona eli tyala.

UJaji Nhlangulele ucele iintsapho zabarhanelwa ukuba zingenelele zibakhuthaze kodwa bala kwaphela.

Emva koko uJaji Nhlangulele ubike ukuba ityala liza kuqhutywa kwiNkundla ePhakamileyo eMthatha ukususela ngomhla we16 ukuya kowe26 kwekaTshazimpuzi kunyaka ozayo.

UNjingalwazi Grant uthi: “Xa bengafuni magqwetha ayikho enye into engayenza iJaji kuba ikwalilungelo labo. Kodwa kuza kufuneka ichule ukunyathela ukubacacisela ngamalungelo abo kwisigaba ngasinye setyala.”

UGrant ukwathe nokuba uligqwetha akuyonto ilula ukuzimela enkundleni, yilo nto kubalulekile ukuba umelwe lelinye igqwetha.

Uthe xa ungaqeqeshelwanga bugqwetha ungaphela uphicotha into engapheliyo kumaxwembu ezityholo obekwa zona.

“Nokuba uligqwetha, ayingombono omhle ukuzimela, kufuneka umelwe ngumntu oza kujonga ityala lakho ngelinye iliso, abone neziphoso zakho ongakwaziyo ukuzohlula kuzo,” ulebele ngelo UNjingalwazi Grant.