Abahlali bazithathele umthetho eSite C

Amapolosa eme phambi komzimba wexhoba eKhayelitsha Umfanekiso: Unathi Tuta

Kuvulwe ityala lokuphanda netyala lokubulala kulandela isiganeko sokufunyanwa komzimba wegatyana lomfana utshisiwe, kwingingqi yaseTaiwan eSite C eKapa.

Usomlomo wamapolisa aseSite B uKapteni Marcellus Rajap uthi amapolisa afumene umnxeba emntwini ongazidizanga igama lakhe nochaze ngalo mzimba walo mfana. Uthi amapolisa athe akufika abona umzimba womfana oselula kude kufuphi nomgqomo wokulahla inkukuma ngakumagumbi angasese kawonke-wonke.

Lo mzimba ufunyenwe ubotshelelwe izandla utshe kakhulu ngasentla kwashiyeka amazantsi kubonakala ibhulukhwe nezihlangu ebezinxibile. Ngethuba oonondaba begaleleka bave ukuba, kubusuku obudlulileyo lo mfana ibingomnye kwababini ebebengena bephanga kwimizi ekude kufuphi nendawo ofunyenwe kuyo umzimba wakhe.

Inkosikazi eneminyaka engamashumi amahlanu anesithathu ubudala ibanga ngelithi ilixhoba lokuphangwa ngumfi ekunye nogxa wakhe ebehamba naye.

Le nkosikazi ithi esi sibini singene kwikhaya layo, bezenza ngathi bafuna icuba kunyana wakhe obephuma ngomnyango. Uthi bathe bakugaleleka ngaphakathi endlini omnye wangena kwigumbi lakhe lokulala logama omnye engena kwigumbi labantwana.

Uqhuba athi lowo ungene kwigumbi lakhe ugunyazise ukuba azigqume akhuphe imali angakhe aqalise ukukhala kungenjalo uyakumdubula.

Uthi “Uye wandimpampatha ekhangela umnxeba wesinqe, uthe wakuwufumana wathatha isingxobo sam sokuphangela wasiqongqotha ekhangela imali.”

Le nkosikazi ithi, lo mgewu ufike kukho imali ezinkozo wayala esithi ufuna engamaphepha nanjengoko inyanga ifile.

Ukanti Intombi yale nkosikazi eneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe ubudala ithi lowo ungene kwigumbi labo lokulala uye wagunyazisa ukunikwa imali kwano mnxeba wesinqe, kodwa ufumene umnxeba kuphela nanjengoko imali bebengenayo.

Uthi “Ndimve esithi masicimele singamjongi kungenjalo uzakusihlaba ukuba siyamjonga.” Umama wale ntwazana uthi “Ndimxelele ukuba uphanga owokugqibela akosokuze aphinde, kwaye uThixo ukhawulezile ukundiphendulela kuba nanku ngoku elele apha.”

Amapolisa athi aqhuba uphando ngesisiganeko, kwaye kuvakala ingxelo zokuba kukho indoda ephangiweyo endleleni ebuya emsebenzini nethathelwe isipaji ekurhaneleka ukuba siso esicholwe komnye umzi sinemali engamakhulu amathandathu eerandi.

isibhalo@inl.co.za