Abakhwetha babulawa kukuxoka kolutsha

Le nto inje, kwaye injalo. Ilizwe nehlabathi lonke ndiyaliqinisekisa. Uninzi lwabantu abaNtsundu ulwazi abanalo ngezinto zesiNtu luxhomekeke kwizinto abazifunde ezincwadini nakwizinto abazibone kwimiboniso eyenziwa emaholweni oluntu.

Apho kuthiwa ngeminye imihla kubizwe abantu abanolwazi okanye isiqwanaqwana solwazi ngesiNtu, kuthiwe amantombazana aza kunxiba iinkciyo, eza kuvuma neengoma zakwaNtu; kuboniswe uhlobo lomxhentso wabakhwetha ekuthiwa ngumtshilo; abafazi babonise uhlobo lomxhentso ekuthiwa ngumyeyezelo nomngqungqo obonisa abakhwetha xa betshila enkundleni, okanye ke xa kutsholozwa ngomhla womtshato wentonjane.

NgokwesiNtu, umngqungqo wabakhwetha bawuvuma behleli phantsi bebetha ingqongqo (ufele lwenkomo olomileyo), kodwa eziholweni kufuneka bangqungqe bexhentsa ukuze amagqobhoka nezifundiswa nabeLungu bonwabe kuthi ngco.

Apha ke kuye kuboniswe nangezityo zesiNtu ezazityiwa mandulo ngokutsho kwamagqobhoka nezifundiswa, izityo ezifana nolusu, unqweme, umphothulo, igcado, utshongo, inembe, umngqusho. Kuboniswe nezinto ezifana neziswenye, iintluzo, ilitye lokuguba. Ndibala ntoni na?

Ukuba uya kuqwalasela uya kufumanisa ukuba ezinye zezi zinto kuthiwa zezamandulo zisasetyenziswa nanamhla oku ngamaqaba angazange awubona umnyango wesikolo. Masingene ke ngoku kule nto yolwaluko yanamhlanje ebulala abantu.

Umbuzo wokuqala emasikhe siwujonge ngulo uthi: Inkwenkwe le yalukela ntoni na? Ukuze umntu nongubani na akwazi ukuwuphendula kukuba aqale azi ukuba amaXhosa la ayebafundisa na abantwana bawo ngeendibano zesondo (ukugqana).

Ewe ayebafundisa kulaa nto kuthiwa kukumetsha (ukudlalana kwenkwenkwe/umfana nentombazana emathangeni), belele ngecala umfana nentombi kusetyenziswa ilungu lobudoda elibizwa ngokuba ngumthondo ngokwesiXhosa, likhuhlwa emathangeni entombi ilele ngecala, hayi ngomqolo okanye ke ngenqentsu. Ukuze inkwenkwe ingenzakali xa ikhuhla emathangeni xa kumetshwa bekufuneka isencinci ineminyaka emithandathu iphondlwe, kuyutyulwe ijwabi lingadibani nentlavu, le ndawo inqalekileyo apha emthondweni, inkanda.

Emva kokokuba ipholile ekuphondlweni ibiqhawulwa lo mthambo ungezantsi ngomtshoba wenkomo nemeva lomqokolo. Yonke phofu le nto yenziwa ngamanye amakhwenkwana amadala phaya emadlelweni.

Oophopho bonke basebancinci baqhayiselana ngeentloko zokunqaleka kweenkanda zabo. Baza kufundiswa ke iindlela zokuqhasa iintombi, neentombi ziyafundiswa iindlela zokuphendula xa ziqhaswa neendlela zokulala phaya ezikhundleni ezindle xa zithe zavuma.

Inkwenkwe eyona nto ayalusela yona amaXhosa kukuba ngoku ingumntu omdala kufuneka izeke umfazi.

Lo mfazi iza kumzeka kufuneka ezele abantwana abaza kukhulisa umzi wasemaThileni. Ngoku iza kuba nguSokhaya. Phaya ke endle ebhumeni iza kufundiswa ngeendlela zokuphatha umfazi ezingubeni, nalapha ekhaya.

Eyona nto ibikhathalelwe ngamakhankatha esiXhoseni leli lungu kuthiwa ngumthondo, nalapho inxeba lobudoda lidalwa khona. Bekufuneka kuqinisekisiwe ngamakhankatha ukuba liyaphola zingaphelanga iintsuku ezisibhozo.

Eli lungu belixatyisiwe kuba lilo aza kugqa ngalo umfazi okanye abafazi bakhe njengoko mandulo kwakuzekwa isithembu.

Eyona nto ibiqinisekiswa ngamakhankatha ibikukuphila kwalo, kangangokuba inkwenkwe engade iphile bekufuneka yobule (ichaze inyani), khange ilale nentombi ethakathayo ethwase ngengqalakazi (intshontsho lempundulu), ukutsho oko intombi elala ngomqolo ivule amathanga, okanye umfazi osel’ekhe wazala. Ingcali yesiXhosa uProf A.C. Jordan uyayingqina into yokuba xa kukho ingxaki bekufuneka umkhwetha obule.

Kwibali elithi UMadliwa-ziinyoka kwincwadi ethi Kwezo Mpindo ZeTsitsa ubhala athi: “Ekugqibeleni ikhankatha lide lambiza lamnyanzelisa ukuba abule.

Wayichuba yonke ke imbali yakhe, ukususela mhla wadibana nenzwakazi yakuMalephe embuthweni yolutsha.

Waxela nento yokuba eyona nto imkhathazayo ngoku kukusoloko etyelelwa ngobusuku yilaa ntokazi yaphuma ezingcongolweni kwiNtlangano yeTsitsa neXhokonxa yaza kumvuma isithi ize ngokubizwa nguye kathathu.

Le ntokazi ifika iqumbile, ize imbuze ube mnye umbuzo, ithi, “Bhatayi ngubani na othe yaluka?” Itsho ithi shwaka, ingakhange yalindela nampendulo, ibuye ifike ngobusuku obulandelayo ibuze kwalo mbuzo, iphinde ithi shwaka. “La qhiya yesinyaniso yaphelela phi?” Kubuza ikhankatha.

Wabonakala esisa isandla entanyeni uBhatayi, eziphathaphatha ngokothuka, “Bendisoloko ndifuna engqondweni ukuba kanene yintoni na le yalahlekayo ngobuya busuku.

Andizange ndiyibone ukususela ngokuya ndandikhululiswe yile ntokazi, isithi masidade.” “Mhm! Uyayiqonda ngoku into eyenzekileyo?” “Ndiyayiqonda. Yonke le nto isusela kulaa nkazana ndingayaziyo yandifikela ekuseni yandifumbathisa.”

Akaligqibanga kubonwe ngaye selexhuma ebheka phezulu, ehlanganisela ubuso ngezandla. Beva selekhala ngezwi eloyikekayo: “Lamla Nozimanga ndadliwa ziinyoka! Lamla Nozimanga ndadliwa ziinyoka! Lamla Nozimanga ndadliwa ziinyoka!” Eyona nto ndifuna ukuyivelisa kule ngxoxo kukuba isiko lilahlekile. Abantwana boluka sele belele nonina. Oonina ke ngokwale meko ziintombi esele zikhe zazala, bezibhentsisa zilele ngomqolo, nto leyo idala iingxaki esuthwini. Kwelinye icala azaziwa iimfundiso zesiNtu ezifundiswa esuthwini ngabantwana banamhlanje abaziingcibi namakhankatha: amabali afana nebali likadyakalashe lokuthenana nendoda. Apho kwaqala kwaya kuthenwa udyakalashe yindoda. Emva kokuba indoda imthenile udyakalashe yaphathwa ngumvandedwa wade umfazi wayibuza ukuba ikhathazwa yintoni na. Indoda yaxela waze umfazi wathi indoda mayimboleke umnweba wayo wokwambatha waya ngokwakhe kudyakalashe. Umfazi wathi akufika phambi kodyakalashe wongxatha ukuze udyakalashe athene. Kuthiwa udyakalashe wathi akubona inqashi yomfazi wakhala wathi, ‘Ngubani lo ebekuthena ungakwazi ukuthena? Ukuthenele ezantsi kakhulu, andinakuba sakuthena goduka.”

Umfazi wagoduka yaba ke indoda isindile ekuthenweni ngudyakalashe. Imfundiso yeli bali ibonisa ukuba indoda ethi ayiphathwa ngumfazi okanye ayiva ngomfazi ubokuyazi ukuba loo ndoda ayinaye umfazi.

Ukuze indoda ibe yindoda kufuneka ibe nomfazi emhloniphileyo. Ziimfundiso zamaqaba ezo esuthwini.