Abakwa-NSFAS bakhangela umsasazi wenkqubo entsha yeTV

USinethemba Mhlambiso waseNgqeleni ongenele iNSFAS Presenter Search

Abaxhasi babafundi ngokwezemali eMzantsi Afrika iNSFAS, bathe bhazalala bekhangela lowo unokusasaza inkqubo yabo entsha kamabonakude ekulindeleke ukuba ibesemoyeni ekukekeleni kwalo nyaka.

Le nkqubo, iNSFAS Uncapped, iza kuncedisana nabafundi ngendlela yokufumana imalinkxaso yokufunda kumaziko emfundo ephakamileyo.

USinethemba Mhlambiso waseNgqeleni eMpuma Koloni, ngomnye wabo bakhawuleze bathabatha inxaxheba kolu gqogqo lomsasazi emva kokuva ngolu khuphiswano kwizihlobo zakhe.

UMhlambiso uthe asakuphumelela ibanga lakhe likaGrade 12 eNdamase Educational Centre waya eWalter Sisulu University eyokwenza izifundo zeHospitality Management, apho athe waphumelela khona ngo2014 ngoncedo lukaNSFAS.

Eselapho eWSU, waya kwelaseMelika ukuze afumane uqeqesho olubanzi ngezifundo azenzileyo.

Ngoku uMhlambiso usebenza njengomhlohli eMidlands TVET College. Kodwa noxa kunjalo, uthi ebezibandakanya kakhulu kwicandelo lemibongo, iingxoxo nokuthetha kumaqonga oluntu.

“Ndandisenza udliwanondlebe ngo2017 apho omnye wezihlobo zam wayephulaphule, wathi kum ilizwi lam limnandi ndifanele ukuzama ikhono likanomathotholo.

UMhlambiso waye wazibandakanya nesikhululo sasekuhlaleni eMakhanda, iRadio Grahamstown, apho wafika wenza iAfternoon Drive.

Le nkqubo afuna ukuba yinxalenye yayo, phakathi kwezinye izinto, ikrobisa abo baza kufunda ngeendlela zokufaka isicelo senkxasomali, isikhokelo ngokukhetha amakhono angawo, ukubonisa ngamazikomfundo ohlukeneyo kweli kwanokucebisa kwimingeni efunyanwa ngabafundi.

AbakwaNSFAS bakholelwa ukuba le nkqubo kufanele isasazwe ngabo baxhamlayo kwimalinkxaso yakwaNSFAS kuba benamava angcono abanokwabelana ngawo nababukeli.

Bakwabona oku njengendlela yokuxakathisa abafundi ngezakhono zokusasaza nokusebenza kwicandelo lezosasazo ngokubanzi.

AbeNSFAS babambisene neSABC kwakunye neMTN Foundation ukuvelisa le nkqubo.

Ngokutsho kwabeNSFAS, le nkqubo iqulethe iziqendu ezilishumi elinesithathu, kwaye iza kusasazwa ngexesha lokufaka izicelo zonyaka ozayo zokufunda.

Indlela yokungenela, wenza ividiyo yemizuzwana engama30 (30 sec) uxele indlela wena oncedwe ngayo nguNSFAS njengomfundi.

Uxhoma loo vidiyo kuFacebook nakwiTwitter usebenzisa ihashtag engu-#NSFASPresenterSearch. Ethandwe kakhulu ividiyo ngokufumana iiLikes nee-retweets izibeka ethubeni elihle lokuphumelela.

Basithoba abafundi abaxhaswe yiNSFAS abaza kukhethwa, emnye kwiphondo ngalinye.

Olu khuphiswano luvule ngowama20 kuCanzibe 2019 kwaye liyavala ngomhla we10 kweyeSilimela ezinzulwini zobusuku.

Abaphumeleleyo baya kubhengezwa ziijaji ngomhla we16 kweyeSilimela.

UMhlambiso ucele abemmi beMpuma Koloni bamxhase ngeevoti ngokucofa uLike kwividiyo yakhe efumaneka kuFacebook noTwitter phantsi kwegama lakhe.

simphiwe.freddie@inl.co.za