Abanini beebhasi bayayoyika iMthatha

Umphathiswa wezothutha nokhuseleko eMpumakoloni uWeziwe Tikana ethetha kudliwano ndlebe nonondaba eQonce Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Ziyoyika iinkampani zeebhasi ukuzibandakanya kumbhodamo womlo woonoteksi oqhuba kwidolophu yaseMthatha.

Oku kudizwe nguMphathiswa wezoThutho kwakunye nokhuseleko ephondweni uWeziwe Tikana ngethuba ebethetha ngomhlahlandlela malunga nesisombululo sombhodamo woonoteksi koonondaba bephondo eQonce ngoLwesibini.

UTikana uthi bebekhe bawuvelela umba weebhasi besithi ungabasisisombululo kulo mlo woonoteksi eMthatha, osele usube imiphefumlo engaphaya kwamashumi amathandathu ukusukela ngo2016.

Le mpalalogazi imalunga neyantlukwano ngokulayisha abakhweli kwindlela uR61 kwakunye noN2 phakathi kwemibutho emibini yoonoteksi eMthatha Uncedo kwakunye noBATA.

UTikana uthi abanini beebhasi abazange bavele ngaphambili ngethuba kukhangelwa isisombululo sokulayishwa koluntu kula mmandla.

Abanikazi beebhasi boyikisela ubomi babo kuba besithi bangabulawa ngoonoteksi ukuba bangalayisha kula mmandla.

Kwezinye zezisombululo kule ngxubakaxaka, umphathiswa udize ukuba zintathu iirenki ekufikelelwe kwisivumelwano sokuba zingavulwa kwaye ziqalise ukulayisha.

Ezo zivuliweyo yiJubilee, iChatam kwakunye neMarikana. Umasipala iKing Sabatha Dalindyebo ube nesivumelwano neli sebe ekubeni uzakuthi ithathele ulawulo lweeteksi neerenki kula mmandla.

“Zizonke zilishumi iirenki kwidolophu yaseMthatha. Kwezilishumi zintathu ezivulwe ngokusemthethweni kwaye zezo zikwazileyo ukukhawulelana neemfuno ebezifunwa kwisivumelwano. Zonke kumele ziqale zibe phantsi kobhaliso kuqala kwaye siza kuzivula nezinye, kodwa xa zenze ngookwesivumelwano,” utshilo uTikana.

Isigqibo sokuba zivalwe ezi renki eMthatha siza emva kwesigqibo esathatyathwa nguMphathiswa wamaPolisa kuzwelonke uBheki Cele, ezama ukusombulula le nyewe.

USekela Njengele kumapolisa ephondweni uAndre Swart, ubongoze uluntu ukuba malukhwele kwiiteksi eziserenkini kuphela, lungakhweli esithubeni ngeenjongo zokhuseleko.

USwart ukutsho oku ngenxa yeziganeko zokuba ngamaxhoba odlwengulo nokuphangwa kwabantu xa bethe bakhwela esithubeni.

Ukanti abantu abathe babanjwa malunga nolu dushe bangamashumi amathandathu anesithoba, isibhozo kubo singaphandle ngebheyile.

Abalishumi elinesixhenxe bangaphakathi eziseleni, ze abangamashumi amabini anesibini asarhoxisiwe awabo amatyala.