Abantwana abahlanu babhubhe kwingozi yesithuthi!

Ingxelo eqinisekiswe ngamapolisa eMpuma Koloni ithi ngabantwana abahlanu abaminyaka iphakathi kwemihlanu ukuya kwishumi elinesine ababhubhe kwingozi eyenzeke kuhola wendlela uR61 ngakuManzana eNgcobo.

Le teksi kuthwa ibisuka eKapa ngentseni ngentsimbi yesihlanu ngoMvulo ngethuba ikhalala umgaqo iqengqeleka, ityekeza ezo ntsizana.

Othethe egameni lamapolisa eMpuma Koloni, uKapteni Khaya Tonjeni, ukuqinisekisile oku ngelithi:

“Iteksi le kuthwa iqengqeleke yabulala abantwana abahlanu, abanye abakhweli abalishumi elinesithandathu abaquka umqhubi bafumene ukwenzakala, baza bathunyelwa kwisibhedlele saseNgcobo,” utshilo uTonjeni.

UTonjeni uthi amagama wamaxhoba awakachazwa kuba kusalindeleke ukuba kwaziswe iintsapho zawo.

UNjengele Andries Swart obambele uMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni uLiziwe Ntshinga, wenze amazwi ovelwano kwiintsapho zamaxhoba.

Othethe egameni leSebe lezoThutho eMpuma Koloni, * -Unathi Binqose, uthi sele bephumile esibhedlele abanye kwabo bebefumene umenzakalo.

“Ngenxa yokuhlonipha amakhaya, akukho nto sinokuyithetha okwangoku, abanye kwabalimeleyo basesesibhedlele ngelixa abanye bekhululwe,” utshilo uBinqose.

Isebe lezoThutho eMpuma Koloni likwaqinisekise ukuba ingxelo epheleleyo malunga neengozi zendlela zexesha lasehlotyeni iza kukhutshwa nguMphathiswa weli Sebe kuZwelonke uFikile Mbalula.

“Ngomhla wamashumi amabini anesithathu kule nyanga, uMphathiswa uFikile Mbalula uza kube ekhupha ingxelo epheleleyo malunga neengozi zendlela kumaphondo olithoba elizwe loMzantsi Afrika,” uthethe watsho uBinqose.

Ingxelo yabakwaArrive Alive ithi ukuvulwa kwezikolo ngoLwesithathu wale veki kubangele ukonyuka kwamanani weenqwelomafutha koohola abaphambili kuzwelonke.

Oku kwenziwa kukuba abafundi bebuyela kwiindawo abafunda kuzo kwanabahlala kwamanye amaphondo emva kokuchitha iiholide emakhayeni abo.

OnguMphathi kwiAutomobile Association of South Africa, uWillem Groenewald, uthi luxanduva lwakhe wonke ubani ukuqinisekisa ukhuseleko ezindleleni.

“Nangona iluxanduva lukarhulumente ukuqinisekisa ukhuseleko ezindleleni, abakhweli nabaqhubi bezithuthi banoxanduva nabo lokukhusela ubomi babo nabanye abantu abasebenzisa iindlela zelizwe,” uthethe oko uGroenewald.