Abaphila nokukhubazeka kwimidlalo kamabonakude

Umfanekiso kaNandipha Baliti,Charmaine Mtinta, Zolisa Xaluva,Thembani Mazana onguceba wakwa ward 8, kunye nabasebenzi baseKonwaba
Baza kufumana ithuba lokubonisa izakhono zabo abantu abaphila nokukhubazeka, ingakumbi abo bangaboni kakuhle, njengoko bexelelwe ukuba baza kungenela inkqubo yee-auditions ukukhetha abo bazakuthi bathathe inxaxheba kumabali azakuthi aboniswe kumabonakude nezinye izinto.
Oko kuvezwe nguCharmaine Mtinta obengomnye wezithethi ebezizimase eli theko nalapho athe oko kuzakube kusenziwa yinkampani yakhe iZula Stage Film Production.
Uqhube wathi, “Siyakholelwa kubantu abaphila nokukhubazeka kwaye siyayazi ukuba banetalente, yilo nto sifuna bathathe inxaxheba ukubonisa uluntu ukuba nabo bayakwazi ukwenza izinto ezithathwa njengezabo bangakhubazekanga.”
Eli theko belibanjelwe kwibala lezemidlalo iMamiki Gidana eNdlovini kwidolophu yasePort Alfred,  apho bekukhona abantu ebebe suka kwiindawo ezahlukeneyo kweli phondo kuquka iBizana, Port St Johns, Mthatha ,Monti, Qonce, Mdantsane kunye nezinye iindawo.
UNandipha Baliti noyingqonyela (CEO) yaseKonwaba Trading Institute, nobekwa ngumququzeleli weli theko, uthe unobangela wokuba babe neli theko kungokuba bafuna ukubonisa abantu abakhubazekileyo ukuba babalulekile kwaye banamalungelo njengawo wonke umntu.
“Abantu abakhubazekileyo babalulekile kakhulu kuba nabo bangabantu, kwaye kufuneka siqinisekise ukuba siyaba hlonipha njengoko sisenza kwabanye abantu,” utsho uBaliti.
Watsho esithi abantu abakhubazekileyo ngabona bantu baneziphiwo ukogqitha abo bazithatha njengabantu abangakhubazekanga.
Lo kaBaliti uthe bazakufundisa abo bangaboniyo indlela yokukwazi ukuzifundela besebenzisa izandla zabo.
“Sifuna abantu abangaboniyo bakwazi ukufunda kwaye ndinabo abasebenzi bam abangaboni kakuhle nendizingcayo ngabo, nanjengoko bengenzi umsebenzi wokuphendula iingcingo kodwa bephuma bayo kusebenza ekuhlaleni,” utsho uBaliti.
IKonwaba Trading Institute iza kuvula isikolo ngeyeKhala kulo nyaka kwindawo yaseBarthust (Batisi) kufutshane nasePort Alfred.
“Obona bunzima esiye sajongana nabo kukufumana izixhobo ezizakuthi zifuneke ekufundiseni kodwa nangona kunjalo khange sityhafe kuba sifuna ukunceda nanjengoko imali esiyisebenzisayo iyeyeKonwaba kuba akukho nkxaso siyifumanayo,” utshilo.
Watsho esithi ukunceda abantu abakhubazekileyo akenzi shishini kuba asilo shishini kodwa luthando nokuzinikela anako ukubanceda.
Kweli theko bekukwakho uThandile Butana oyiSocial Inclusion Officer kwaSouth African Council for the Blind, nothe abantu abakhubazekileyo basacinezelekile kwaye abakhathalelwangwa.
 “Urhulumente uyasibiza ezindaweni asiphe ukutya (food parcels) siphakelwe sitye sibuyele emakhaya, kodwa lo nto ayisincedi nganto kuba akukho mntu uyaziyo ukuba sithi sakufika endlini kwenze ntoni, sifuna ukuncedwa hayi ngokutya kodwa ngezinto ezizokwazi ukusinceda sijongane nobomi bethu.
“Watsho esithi abafuni kusizelwa ngokukhubazeka kwabo nto nje bafuna ukunikwa amathuba afanayo nawabanye abantu kuba amaxesha amaninzi bayazifaka izicelo zemisebenzi kodwa abahoywa kuba bekhubazekile.
“Ndiyayazi ukuba bakhona abantu baseburhulumenteni apha, kwaye ndiyaxolisa ngento endizakuyithetha,  urhulumente wethu akabaniki amathuba abantu abakhubazekileyo kuba uya kufika enikwa umsebenzi wokuphendula iingcingo kodwa abe enazo ezinye izakhono zokwenza imisebenzi, qha kuba ekhubazekile kuqondwe makafane afakwe kule ndawo yokuphendula iingcingo”, utsho uButana.
UNwabisa Dlakuva nobe suka eMbizana nongaboni kakuhle, uthe uneDegree yokuba ngutitshala nayigqibe kunyaka ophelileyo, kodwa akakawufumani nangoku umsebenzi.
“Andifuni kuthi andiwufumani kuba ndikhubazekile kodwa xa nawe ujonga indlela ootitshala abanqongophele ngayo kwezinye izikolo, bekungafanelanga ukuba abantu abane ziqu bahlale bangaphangeli,” utsho uDlakavu.
USodolophu waseNdlambe uPhindile Faxi, uthe uyabulela kuNandipha ngokuthi gqolo amndwendwele e-ofisini ukuyomxelela ngombono anawo wokunceda abantu. 
“Akukho nzima ukuxhasa into oyibonayo ukuba baninzi abantu abaza kuncedeka kuba asithethi njengePort Alfred kuphela apha, kodwa sithetha ngephondo liphela,” utsho uFaxi.
Watsho esithi uzakuyixhasa kude kube sekugqibeleni iKonwaba.