AbeMMM bathi akukho mntu ozakubabamba

“AKUKHO kwapolisa elinakusibamba kuba thina siluluntu oluncedanayo.”

Le yintetho ephuma kubantu abaxhamla phantsi kwengxowa-mali yoluntu iMMM.

Bakuthetha oku, emva kwezigxeko eziphuma nkalwana zonke zabantu zisithi le ngxowa-mali ngunomgogwana nje ozakutshabalala.

Iinkxalabo malunga neMMM zikwabangele uphando oluqhutywa ngooKhetshe (Hawks) sithetha nje.

Abantu abaphantsi kwale ngxowa-mali bathi abantu mabathobe amaxhala, kuba bona bangabantu abancedanayo.

UVongani Hobyane, ichule kubalo-zimali (chartered accountant) eSandton eRhawutini, wazibandakanya neMMM kwiinyanga ezisibhozo ezidlulileyo, kwaye uthi ugqiba kufumana imali engangeR79 000.“Ndaxuma ngemali engange-R10 000 kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo. Emva kokuba ndifumene isixa esithile, ndaphinda ndaxuma ngeR50 000 kwaye ndizakufumana iR90 000 kwiinyanga nje ezimbini ezizayo,” kutsho uHobyane.

Icebiso likaHobyane kubantu abafuna ukungena kuMMM lithi: “Sukusebenzisa imali yakho yokugqibela xa ufuna ukungena kuMMM.”

UHobyane uthi, sele efake abahlobo bakhe ababini kuMMM, nabakwasebenza kwicandelo lolondolozo zimali.

USteward Thobega, waseKrugersdorp eRhawutini uthi uzibandakanye noMMM kweyoMnga nyakenye, kwaye sele efumene imali engange-R3 000 emva kokufaka iR500.

UHalalisani Langa osisithethi seMMM South Africa eThekwini, uthi uMMM yingxowa-mali yoluntu abancedanayo ukuze bafeze amaphupho abo.

“Asiyonyani ukuba uwile uMMM South Africa, okwenzekileyo kukuba abantu bakhutshwe kuMMM Global obuhlawula * -100% bafakwa kowaseMzantsi Afrika ohlawula * -30%. Imali ijongwa ngoLwesibini nangoLwesine futhi yonke into ihamba kakuhle kwaMMM South Africa,” utsho uLanga.

UThobile Makhanya, ojongene neMMM eThekwini, uthe amapolisa akukho mntu azakumbamba okwiMMM. “Alikho ipolisa elizakubamba umntu kuba efuna uncedo lwemali,” utsho uMakhanya.

UBrigadier Hangwani Mulaudzi othethela ooKhetshe ubongoze abantu abangonelanga ngoMMM ukuba babikele amapolisa akufuphi nabo.

U-MMM wasekwa nguSergei Mavrodi, waseRashiya ngo1989. UMavrodi wakhe wadontsa isigwebo seminyaka emine ngo2007 emva kokubhunyula abatyali-zimali abangamawaka alishumi (10 000) imali engange-R61 million, ngokokutsho kwe-The Moscow Times. Ngo2011 uMavrodi wavelisa uMMM-2011, osebenza ngokufanayo noMMM South Africa.