Abhaqe umzimba ongaziwayo ukuba ngokabani amapolisa eKapa

Umzimba obhaqwe ecaleni kolwandle eMonwabisi eKapa. Umfanekiso: Unathi Tuta

Awukaziwa ukuba ngokabani waphi umzimba
ofunyenwe kulwandle iMonwabisi 
eKhayelitsha eKapa.

Oku kudizwe ngamapolisa aseNtshona Koloni, kulandela ukufunyanwa
komzimba womfana oqikelelwa kwiminyaka engamashimi amabini ubudala.


Umsebenzi kwicandelo lezohlangulo kulwandle laseMonwabisi obhaqe lo mzimba uthi
uwubone ngethuba ejikeleza kunxweme. “Ndithe
ndijikeleza njengesiqhelo ndabona lo mzimba
ndothuka ndaxelela umphathi
wam oye wabiza amapolisa,” utshilo lo msebenzi ocele silifihle igama lakhe.

Uthi into ayiqapheleyo kukuba ixhoba lidumbile
kwaye linomonzakalo entloko kwaye alibonakali ngathi lityekezwe lulwandle.

Oonondaba bafike kwindawo yesiganeko umzimba wexhoba ongamxibanga mpahla wombathiswe ngeplastiki, intloko ingathi ingcwatywe
esantini.

Isithethi samapolisa eNtshona Koloni uKhapteni
Frederick van Wyk uthi “Kusaqhutywa uphando ngenkcukacha ezingqonge
esis
iganeko, kwaye nexhoba alikaziwa ukuba ngubani waphi.”