‘Abukho ubulungisa eMzantsi Afrika’

“Abantwana bam uCordelia (15) noSiyamthanda (12) Koli babulawa kule lali yaseNqadu ngeyeNkanga ngo2015, oko ndilindile andikayi enkundleni ndijongane nendoda eyabulala abantwana bam, abukho ubulungisa eMzantsi Afrika.”

Oku kuthethwe nguMbulelo Koli uyise wamaxhoba evakalisa ukudana kwakhe ngumthetho weli.

Lo kaKoli uthi umcuphi weli tyala umxelele ekuqaleni kwale nyanga ukuba ityala lizakungena enkundleni okokuqala ngomhla weshumi ukuya kumhla wamashumi amabini kule nyanga, kodwa ayenzekanga lo nto liphinde lemiswa ityala.

“Ukungena enkundleni nalo mfo kungandixolisa, ukubhujelwa ngabantwana ababini ngexesha elinye ayonto incinci, kodwa andilifumani elo thuba, ndidane kakhulu ngenxa yoku,” kutsho uKoli.

UCordelia noSiyamthanda Koli baduka ezinzulwini zobusuku kumguyo wokungena kwamakhwenkwe kule lali, baza kamva bafunyanwa bedlwengulwe, bekrwitshiwe, bebhubhile kwihlathi elikufutshane.

“Yintlungu egqithisileyo le yokuba singalinikwa ithuba lokungena enkundleni nalo mntu utyholwayo, umcuphi ebeqala ukusixelela ngeli tyala ngale mini iphinde yemiswa nayo.”

Ukubhubha kwaba bantwana kwashiya uninzi kule lali lumatshekile ngenxa yendlela ababebulewe ngayo.

“Andiyazi ukuba kutheni abantu bomthetho bengathethi nam, bandixelele ukuba kutheni lingade liye enkundleni eli tyala, lo mcuphi unyamalala ixesha elide singenalwazi,” utsho uKoli.

Lo kaKoli uthi luninzi ulwazi alufumene emva kokubhubha kwabantwana bakhe, kodwa akayazi ukuba angalunika bani olo lwazi ukuze kukhule ubungqina. Konke oku kuvele ngethuba amasebe karhulumente ebedibene komkhulu eNqadu kwiinzame zokulwa ulwaphulo-mthetho oluxake kumasipala waseMbashe.

Ukanti abahlali abebezele intente eNqadu bavakalise isikhalo samapolisa athatha ixesha ukuphendula kwizikhalazo zabo. Ukuthatha ixesha elide kuphando zezinye zeengxaki ezibangela ukuba abahlali bathabathele umthetho ezandleni zabo.

“Iimpahla ezinegazi zafunyanwa kula ndlu yomtyholwa zanikwa amapolisa, kukho abantwana ababalekayo apha elalini baya eKapa, abanye abantu bathetha apha ngokubhubha kwaba bantwana,” uthethe watsho uKoli.

Unina waba bantwana uhamba koogqirha ngenxa yoxinzelelo olumhlasela imihla ngemihla.

Ongumtshutshisi oyintloko kwingingqi yakuGatyana, uZukiswa Jikwana, uvakalise umothuko ngexesha elithathwe leli tyala ukuba lingene enkundleni

“Zininzi zona izizathu ezibangela ukuba ityala lilibaziseke ukungena enkundleni, kodwa kweli umcuphi undixelele ukuba libanjwe luphando lofuzo ukuba lingangeni enkundleni, zifikile ke iziphumo zolo phando, ngoku liza kungena enkundleni eli tyala alifumane ithuba utata wabantwana,” ucacise watsho uJikwana.

Ingxaki yokungabikho kwezi zixhobo zokwenza uphando lwemfuzo kulibetha ngokumandla eli leMpuma Koloni, kuba olu phando lwenziwa eKapa kuphela.

“Ndizinqande ndifuna ukuthathela umthetho ezandleni ngenxa yokungaboni ntshukumo kweli tyala kuba ndiyakhonza, ndicela ukubonana nalo mfana enkundleni,” uthethe watsho uKoli.