Afuna indawo yokunqula amaRasta

Amalungu enkolo yamaRasta eBhayi athi afuna umasipala waseNelson Mandela Bay awabonelele ngomhlaba kuba afuna ukuzakhela isakhiwo sokukhonzela ukuze bonke abale nkolo bakwazi ukufikelela.

Kwintlanganiso ebibanjwe kule veki kwi-ofisi kasodolophu wale ndawo nebiphakathi kukaGqirha Danny Jordaan, usomlomo walo masipala uMaria Hermans nebhunga lenkolo elibizwa ngokuba yiRastafari Council likhokelwa ngusihlalo walo uJerome Brown. La malungu enze izibhambathiso zenkxaso kulo kaJordaan nomasipala wakhe ngokuzinikela kwakhe ekulweni umkhwa wobundlobongela, iziyobisi nobugewu kwiilokishi zabebala nabantsundu.

Lo kaBrown uthe isakhiwo setyalike yabo siyakusetyenziselwa ukukhonzela nokufundisa ulutsha ngobungozi bokuzibhakaxa kwiziyobisi, ubugewu nokuzibandakanya kumaqela emigewu.

“Siyabulela kusodolophu ngokusamkela kwakhe nangethuba elihle kangaka lokuba asinyamezele sixoxe ngemicimbi yethu. Siyakuqonda ukuxakeka kwakhe kwaye simxhasa nokumxhasa ngemigudu ayenzayo kwezokhuseleko. Konke kuyakhuthaza,” utshilo okaBrown.

Osisithethi salo masipala uMthubanzi Mniki uthe isebe lohlaliso lwabantu seliwunikiwe umyalelo wokuba kulandelwe esi sicelo samaRasta. Uthe eli sebe likwaxakekile liphonononga izicelo zee sayithi zamabandla ngamabandla.

“Siyabulela kumalungu enkolo yobuRasta ngokuza ngaphambili nangenxaso abasithembisa yona singumasipala. Oku kubonisa ukuba siyaqhuba asimanga kwelicala.Sikwacela ukuba bonke abantu balendawo, oosomashishini, ulutsha, abe zemidlalo bonke abantu ngokwenkolo abaphuma kuzo basebenzisane nomasipala ukuphucula ubomi babantu,” uthethe watsho uHermans.