Akhelwe izindlu amaxhoba kaDalindyebo

UKota Wofa (esiphakathini) kunye nabantwana bakhe uNovangeli noVikhaya Wofa kwilali yaseMthatha iSitebe.

Amaxhoba eKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo athi awakamxoleli nangona akhelwe izindlu ngelizama ukuwaxolisa kwiintlungu zokubhujelwa, ukutshiselwa izindlu, imfuyo kwakunye namasimi.

UNocingile Sonteya watshiselwa amasimi, iigusha kunye nezindlu ezine ngamabutho kaDalindyebo ngenxa yegusha zakhe ezathi zatya kwidlelo elalingavulwanga.

“Siyavuya kona ngokwakhelwa izindlu ezi, kodwa yonke le nto ayidibanananga noBuyelekhaya ngoko ke akukho nto ibangela ukuba sibenoxolo ngakuye,”utsho uSonteya.

Uthi inzulu kakhulu intlungu abayiviswa nguKumkani Dalindyebo, bazibona belahlekelwa zizinto zamaxabiso.

“Sasineegusha ezingamashumi alithoba anethoba, wathi ezigusha mazikhululwe ngewamaka elinamakhulu amabini eerandi, (R1200) asabinayo sakhupha amakhulu amane eerandi (R400) nehashe, kodwa sabanjwa mna nabantwana sayakuvalelwa phaya komkhulu eBumbane.

USonteya uthi wayengayazi ukuba bangaphinda babonwe nje ngabantu entlalweni. “Ndaqhutywa nabantwana bam, amasimi am evutha umlilo saya kuvalelwa komkhulu, ndafika phaya kusenziwa umsebenzi wokubuyisa ubawo uDalindyebo, ndancedwa ngama Dlomo athi awanakuxhela ibhokhwe kukho umntu olilayo ndakhululwa ndahamba,”ucacise watsho uSonteya.

Inkampani ebizwa ngokuba yiCentre for Economic Participation ithathele kuyo uxanduva lokuvusa amakhaya wezintsapho. UBandile Gwetha wenkampani evusa le mizi yamaxhoba uthi, “Sifumanise ukuba ingxolo eninzi ijolise ngaku Kumkani akukho nto ithethwayo ngababantu balahlekelwayo, siyinkampani sagqiba kwelokuba sibakhele ezi zindlu.”

UKota Wofa wabhujelwa ngunyana wakhe uSaziso Wofa owabulaya etyholwa ngokudlwengula.

“Andikamthembi uBuyelekhaya, into endivuyisayo kukubona ukuba kukho abantu abakhathalayo ngathi, kaloku uDalindyebo wayethe akukho nepolisa elinokumbamba yena, sixolile noko ngenxa yezizindlu, kodwa ke sivile ukuba yonke le nto ayinanto yakwenza naye ngoko asinaxolo naye,” utsho uWofa.

Omnye wonyana bekhaya lakwa Wofa uVikhaya Wofa uthi naye akanalo uxolo ngakuDalindyebo ngokubulala umntakwabo.

“Kaloku izindlu ezi aziveli kuye aziveli nakwitshomi zakhe akachaphazeleki nganto apha, asinalo uxolo ngakuye uBuyelekhaya kuba asimazi ukuba uzakuphuma athini ngathi xa ephuma phaya,” uthethe oko uVikhaya Wofa.

Le nkampani yenza lo msebenzi ithi ayinanto yakwenza nombutho weenkokeli zemveli iControlesa ebekucingeleka ukuba bathunywe nguwo.

“Senza lo msebenzi ngenkxaso noncedo losihlalo weCentre for Economic Participation uBongani Ndamase ngenxa yokuba sisonke sathi savakalelwa yile ntlungu yababantu bangahoywanga bakugqiba ukuba bonakalelwe kangaka,” utsho uGqwetha.

UGqwetha uthi ngamakhulu amane amawaka imali (R400 000) echithwe yile nkampani ekwakheni ezizindlu xa zizonke.

“Yomithathu le mizi sakhe indlu enamagumbi amathathu kunye noronta kuba intlalo yalapha emakhaya injalo, senza imbali ukuze nabantwana abazalwayo bazi ukuba kwakhe kwakho isehlo esibi esinje kule ndawo,” uthethe watsho uGqwetha.

Ukumkani uBuyelekhaya Dalindyebo usadontsa isigwebo seminyaka elishumi elinesibini ngenxa yesisenzo.