Akoneliseki ziincwadi zesiXhosa ezisetyenziswa ezikolweni!

Umbhali weencwadi zesiXhosa uNomazwi Phakani noneminyaka engamashumi amahlanu anesithandathu (56) ubudala nohlala eKhayelitsha, akonelisekanga ziincwadi zesiXhosa ezisetyenziswa ezikolweni nanjengoko ekholelwa ukuba azithethi ngezinto abantwana bangoku abajongana nazo.

“Izinto zatshintsha azisafani nangela xesha lethu kwaye iincwadi ezazisetyenziswa ezikolweni, zazibhalwe zijongene neengxaki abantu bela xesha ababe jongene nazo nendicinga ukuba bekufanele ukuba azisetyenziswa kubantwana beli xesha,” utshilo.

Lo kaPhakani uneencwadi ezingaphezulu kweshumi kwaye akakayeki ukubhala kuba esithi akafuni abantu balibale ulwimi lwabo.

“Kubalulekile ukuba ulwimi lwethu siluhloniphe kwaye siqinisekise ukuba abantwana bethu bayafunda ngesiXhosa ukuba senza njalo sokuze sife isiXhosa,” utshilo uPhakani.

Uqhube wathi uthando lwakhe lokubhala uqale ukulubona ngethuba wayengenele ukhuphiswano kuMhlobo Wenene nalapho wayebhale isincoko esithi “Iqulatheni na inkululeko,” nesathi sakhethwa njengesigqwesileyo.

“Nangona ndingasawukhumbuli nje unyaka kodwa kulapho ndazibona khona ukuba ndinesakhono sokubhala kwaye ndiyaluthanda ulwimi lwam,” utshilo.

Ngaphambili kokuba amabali akhe ashicilelwe uqale wasokola kakhulu nanjengoko wayewathumela kwimizi eshicilela iincwadi kodwa kuthi cwaka ngawo.

“Into yokuba angashicilelwa amabali okuqala zange indityhafise koko yandenza ndasebenza nzima ukuqinisekisa ukuba abantu bafumana iincwadi zesiXhosa. “Ayikho into endivisa kabuhlungu njengokubona kuthathwa amabali abhalwe ngezinye iilwimi eguqulelwa esiXhoseni ngokungathi abekho ababhali besiXhosa, yilo nto ndimemelela ukuba baziveze ukuze singahlazeki ezizweni kwaye sijongeke njengabantu abangaluxabisanga ulwimi lwabo,” utsho uPhakani.

Phakathi kweencwadi zakhe, singabalula ezi: Masikhumbule Mandulo, Andiboni Wumbi, Uthando Lwenene Lutsiba Imida, Imbiza kaXhosa, Silima Sivune kwaye ezinye zazo ziyafumaneka kwithala leencwadi zasekuhlaleni.

“Umnqweno wam kukuba isebe lezeMfundo lijongisise ezi ncwadi zisetyenziswa ezikolweni kuba aba bantwana bangoku asikwazi ukubafundisa ngeencwadi ezihamba zibe nendawo apho unyana abulala unina kuba engakholisekanga yindlela enza ngayo izinto, kuba abafani nabantwana bakuqala ngokufunda ngezo zinto esikolweni baza kuzenza emakhaya kanti sebe mosheke kakade,” utshilo.

Abo banomnqweno wokufumana iincwadi zikaPhakani bangathi baqhakamshelane naye ngokusebenzisa iemail yakhe ethi * .phakani@gmail.com okanye bamtsalele umnxeba kwinombolo yakhe ethi 0633010781.

Lo kaPhakani ukwamemelele abazali ukuba bancedisane nabantwana ekufundeni iincwadi zesiXhosa ukuze bazoziqhelanisa nokufunda.

“Into endiyiqapheleyo kwizikolo endimane ndisiya kuzo kukuba abantwana bafunda kakuhle isiLungu kunesiXhosa, kwaye bayayazi ukuba kukhona iziphumlisi nezinye izinto kodwa xa befunda ngesiXhosa kubanzima kakhulu.”

Iincwadi zakhe zibiza ukusukela kwimali engangeR80 ukuyokutsho kwiR180.